Kulindeleke ukuba kutsh’ ibhayi kuyo yomibini imidlalo yeMTN8 ngoba zange kubekho qela eliphumelelayo emjikelweni wokuqala. IMamelodi Sundowns ibambane ne-Orlando Pirates ngeqanda macala ekuqaleni kwenyanga yeDwarha. ISundowns iphindele ePitoli ithe khunubembe kuba ingalifumananga igowuli lebhasela ekuhambeni. Kwelinye icala iKaizer Chiefs yadlala ngamathuba, AmaZulu agoduka encumile emva komdlalo owaphela ebambene ngegowuli elinye macala. Kuzaw’ fiwa kuyo yomibini imidlalo ngoba kufuneka amaqela amabini aza kuqubisana kowokugqibela eMoses Mabhida Stadium. AmaZulu anganalo ithuba lokuya phambili ukuba iChiefs ayikwazi ukuphumelela ngeCawe. Namanye amaqela anyanzelekile afake amagowuli emidlalweni yawo.
Abaqeqeshi beSundowns bemke emdlalweni wokuqala bengonwabanga. EPeter Mokaba Stadium, emalanga ngoMgqibelo, baza kufuna impumelelo – kodwa umdlalo ngeke ube lula ngoba iPirates ifuna indebe ebikhe yayiphakamisa ngo-2020. Wona Amakhosi aphantsi koxinizelelo ngoba kunyanzelekile awabethe AmaZulu awayefungile kusekho uBrandon Truter ogxothiweyo kwangena uRomain Folz ofuna ukuzibonakalisa kwiqela lakhe elitsha. Usuthu lamkela iChiefs emdlalweni ongeCawe, eMoses Mabhida Stadium. Igqala lebhola ekhatywayo, uMorgan Gould, okhe wadlalela aBafana Bafana, iSuperSport United neChiefs, kutshanje uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba yena urhalela umdlalo wokugqibela ube phakathi kweChiefs nePirates.
“Bendivuya ukuba kungaya iChiefs nePirates emdlalweni wokugqibela,” utshilo uGould kutshanje. “Kodwa iPirates kufuneka ibethe iSundowns. Iqela eliza kuphumelela umdlalo lelikwazileyo ukwenza umsebenzi ngendlela elizilungiselele ngayo. Kum, kungakuhle ukuba ingalidabi laseSoweto umdlalo wokugqibela weMTN8. Kodwa ke ebholeni awungeke uyazi into eza kwenzeka. AmaZulu angaya nawo – kodwa iSundowns liqela elikhulu. IDowns iya emdlalweni wangempelaveki inomsindo. Amadoda amathathu akayithathi kancinci into eyenzeke emdlalweni wokuqala eSoweto,” utshilo uGould. Umdlalo wokugqibela weMTN8 Cup uza kubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngomhla wesihlanu kwinyanga yeNkanga.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10