Motaung: Siyilungele imidlalo yeCaf kule gem

Njengokuba kuqala unyaka omtsha nje, amaqela elizwe loMzantsi Afrika azakuxakeka ngakumbi la alungiselela imidlalo yeCaf. Kulo nyaka kwakhona eli lizwe limelwa ngamaqela amane.

Njengeentshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zesizini ka’2014/15, iKaizer Chiefs iza- kudlala kwiCaf Champions League neMamelodi Sundowns eyabamba indawo yesibini.

KwiConfederation Cup kuzo- dlala iBidvest Wits ikhatshwa yi-Ajax Cape Town. Kunyaka ophelileyo iChiefs, iSundowns neWits zaphuma kwangoko kule midlalo yeCaf, yi-Orlando Pirates kuphela ephakamisele phezulu igama loMzantsi Afrika.

Xa kusiyiwa kule midlalo kubakho ukungaqiniseki ngoba amaqela alapha, ngaphandle kwePirates, ayihoyile imidlalo yalapha e-Afrika.

Emva kokuba iChiefs iphume kwangoko izihlandlo ezibini phantsi kukaStuart Baxter, usihlalo uKaizer Motaung uthi ikulungele ukusidlala ngcono isiqendu solu khuphiswano kulo nyaka.

Amakhosi atyholwe ngokungazimiseli kolu khuphiswano, kodwa uMotaung ngoku uthi basifundile isifundo. “Senze kakubi gqitha kwi-African Champions League esakhutshwa kuyo yiRaja Casablanca,” uvumile uMotaung kwikhasi lomnatha leqela lakhe.

“Ingxaki yethu yaba kukungaphumeleli apha ekhaya. KwiChampions League eyona nto ibalulekileyo kukuphumelela ekhaya futhi kungafakwa magowuli kuthi. Zezinye zezinto esizifundileyo ezo.” Lo kaMotaung ubalule izinto eziliqela ezithi ziphazamise amaqela alapha eMzantsi Afrika kule midlalo yeCaf.

“Iyawabetha iChampions Leaue amaqela alapha ngenxa yemigama emide, lo nto ithi iwaqhokre amaqela. Enye into ziindleko eziphezulu, kubangcono xa iqela lifikelele kwisigaba esiphezulu sokhuphiswano. Kodwa ndingatsho ukuba sikulungele ukwenza ngcono kulo unyaka,” utshilo uMotaung.

Ngelishwa kulo nyaka iPirates ayizudlala kule midlalo yeCaf emva kokubethwa yi-Etoile du Sahel kumdlalo wokugqibela weCaf Confederation Cup kunyaka ophelileyo. Abalandeli bebhola banethemba lokuba la maqela mane azakuthatha apho iPirates iyeke khona kunyaka ophelileyo.