Motsoeneng: UNguse uza kothusa abantu kwiBaroka FC

ULungelo Nguse, obedlalela iBizana Pondo Chiefs, uza kuqala ubomi kwiBaroka FC Umfanekiso: Baroka/Twitter

Umqeqeshi weBizana Pondo Chiefs, uTshepo Motsoeneng, uthi ifolosi yakhe ethathwe liqela elidlala kwiPremier Soccer League, uLungelo “Mbesuma” Nguse, iza kubabonisa izimanga abantu ebholeni ekhatywayo.

UNguse, obonwa njengomnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo, uthathwe yiBaroka FC kwiveki ephelileyo kwiPondo Chiefs edlala kwiMotsepe League kwiphondo leMpuma Koloni.

ABakgaga Ba Mphahlele bamnike isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu uNguse kwaye uziqeqesha, ebila esoma nabanye abadlali beqela njengokuba lilungiselela ukugqityezelwa kwesizini.

“Yah, ebengumdlali wam uNguse. Ndafika elapha kwinyanga yeNkanga ngo2019. Ndaxelelwa ngezinto anokuzenza ebaleni kodwa nam ndazibonela.

Yifolosi enamandla, ekwaziyo ukukhaba ibhola nokuba kukweliphi icala. Uyakwazi ukudlala ibhola ebekwe phantsi kanti mhle nasentloko,” utshilo uMotsoeneng, eqhayisa ngomdlali wakhe ekulindeleke aphakamise iflegi yeMpuma Koloni ebholeni yaseMzantsi.

Ukuteketiswa kukaNguse ngegama elithi: “Mbesuma”, yinto enkulu futhi eza kubeka uxinizelelo kuye kodwa uMotsoeneng, uqinisekile okokuba uza kuqaqamba kwiBaroka FC. “Uza kubanika iingxaki abadlali abaninzi ngoba baza kube bengalindelanga nto xa bemjongile. Uyafana noMbesuma ngoba bangamanxele bobabini.

UNguse ngumdlali oza kuqaqamba kodwa ukuba ukhuselwe aphinde anikwe inkxaso emfaneleyo,” utshilo uMotsoeneng ethetha neli phephandaba.

Imali athengwe ngayo ayidizwanga yiPondo Chiefs kodwa yona ithe iyamkhulula ngesihle.

“UMbesuma uya kuBakgaga apho atyikitye khona isivumelwano seminyaka emithathu. Thina, siyiBizana Pondo Chiefs FC, simnqwenelela okuhle kodwa uMbesuma,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela ebelidlalela.

Kwangaxeshanye, iBaroka ibhengeze uBernard Bobete, uNimrod Mpe, uTshego Molapo, uJob Maphutha noMogale Thuso njengabanye babadlali abatsha kwiqela elikhulu emva kokunyuselwa kwabo.