Mpengesi: Siyakunqwenela ukudlalela eMthatha

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, lityelele komkhulu leelali zaseZimbane, eMthatha, ngeCawe. Injongo yolu tyelelo ibikukuphisa ngempahla zokudlala (kits) ezilishumi kumaqela eza lali.

Umsitho ubuzinyaswe zizikhulu zeChippa United nabalandeli bayo eMthatha. Umnini weeChilli-boys, uSiviwe Mpengesi, uthe ufuna ukukhangela italente kwiindawo zaseMthatha ukuze kubekho kwiqela lakhe abaphuma khona. “Sibuyisela umoya webhola owashiywa yiBush Bucks eyathotyiselwayo.

Sinomnqweno wokudlalela apha eMthatha eminye imidlalo yeChippa nanjengoko simele eli phondo kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uMpengesi. UThamsanqa Sangweni uthe ukuza ezilalini kuluncedo batsho bayazi indlela abaphila ngayo abantwana ezilalini. Lo mdlali siswini uthe oku yinkuthazo kubo ngoba naye usuka ezilalini eThekwini. Lo msitho ubuzinyaswe ngabathandi bebhola ekhatywayo, amagosa karhulumente, abameli bemibutho yezemidlalo namasebe ohlukeneyo. Inkulumbuso yephondo, uPumullo Masualle, uthe bayalincoma inyathelo leChippa lokuza ezilalini apho kugcwele khona italente engenamntu uyijongayo. UMasualle uthe unqwenela kukhuliswe itumente kasodolophu ikhule ide kuyofikelela kweyenkulumbuso. UXolani Dakuse, wemidlalo kumasipala we-O.R.Tambo uthe bazaqinisekisa ukuvuselelwa kwemidlalo eZimbane eyaphela esithubeni kwiminyaka edlulileyo. Uphinde wathi bafuna amaqela athathe inxaxheba emidlalweni.

UMpengesi ubhengeze ukuba eZimbane kuzobanjwa itumente yebhola ekhatywayo ebizwa ngokuba yiJongisizwe Memorial unyaka nonyaka ngelikhumbula inkosi yalandawo. Umdlali othe waqaqamba uzothathwa yiChippa united. Uthembise ngelithi bazojikeleza nakwezinye indawo, walebela ngelithi uMthatha awusoze uphinde ufane nakuqala.