Mthalanene uyikhusele intshinga yakhe

Enye yeembethi manqindi ezaziwayo jikelele kweli loMzantsi Afrika neyazibalula kakhulu ngesakhono sayo esingathethekiyo sokudlala amanqindi, nowayesakuba yintshatsheli yehlabathi kwintshinga ye-IBF, uMoruti Mthalane, ubuyele eqongeni lokulwa emveni kwenyanga ezilishumi elinantathu, apho athe wakhusela intshinga yakhe ye-IBO kudidi lweFlyweight xeshikweni ebesilwa nembethi-manqindi yase Philipines, uRenz Rosia, e-Olive Convention Centre, eDurban ngoMgqibelo.

UMthalane uneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) kwaye yinzalelwane yaseThekwini, nto leyo imenze walwa ngokuzithemba phambi kwabalandeli bakhe emngqengqisa uRosia kumjikelo wethoba.

Le mpumelelo imbeke kwindawo entle kwihlabathi, izakuvula amathuba okuba alwele namanye amabhanti amakhulu nanjengokuba ephumelele imilo engamashumi amathathu anesibini (32), engamashumi amabini ananye (21) eyiphumelela phambi kwemijikelo elishumi elinambini (12), ebethwa nje kwimilo emibini.

URosia oneminyaka engamashimi amabini anesixhenxe (27) yinzalelwane yaseCadiz City, Negros Occidental, ePhilippines useyintshatsheli ekhonyayo kwintshinga yeWBC International kudidi lweFlyweight kwaye ukuzothi ga ngoku uphumele imilo elishumi elinambini (12), ebethwa usukela ngethuba awaqala ngalo ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka-2006.

Ngokuqinisekileyo lo kaRosia uzakwehla kuluhlu lwembethi zombutho we-IBO, phambi kwalo mlo ebehleli kwindawo yeshumi elinesine (14).