MTN8: Amatsatsantsa neHighlands kwiWafa Wafa

Dean Furman weSupersport United kumdlalo womlenze wesibini weMTN8 2019 ne Mamelodi Sundowns and e Lucas Moripe Stadium, eAtteridgeville Umfanekiso :Muzi Ntombela/BackpagePix

Okokuqala embalini yayo iHighlands Park, ukusukela kunyaka ethe yanyukela kwiPSL, ngoMgqibelo ngentsimbi yesithandathu emalanga iza kufumana ithuba lokuphumelela indebe xa idibana neSuperSport United emdlalweni weMTN 8 ekulindeleke utshise bhe eOrlando Stadium.

Ufumene ithuba lokwenza imbali uOwen Da Gama ngokuthi abethe Amatsatsantsa aza kudlala umdlalo wokugqibela weMTN 8 ityeli lesithathu elandelela.

Ayiphumelele kabini – kodwa iHighlands Park, eguqise amaqela afana neOrlando Pirates nePolokwane City, izimisele ukubhalisa elayo igama kwiincwadi zembali yebhola ngokuphumelela ngoMgqibelo.

Akukho bani onokuyithandabuza into efunwa yiHighlands Park ngoba idlala kakuhle futhi iqeqeshwa yindoda enesibini.

UDa Gama ubadlalise bonke abadlali bakhe ngethuba iqela lakhe libetha iPolokwane City.

Ibiyindlela egqibeleleyo leyo yokulungiselela iSuperSport ekelemayo emidlalweni yeendebe – ngakumbi iMTN 8.

Kutshanje, uDa Gama uthe uzingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe yiHighlands Park ukuzokuthi ga ngoku kwiPSL.

“Andikholelwa ukuba iqela liza kuqala iveki lilungiselela umdlalo wendebe ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Wonke umsebenzi endiwenzileyo ubungeke wenzeke ngaphandle kwenkxaso yabaphathi.

Andingomntu olaqazayo ngoba ndiyayazi into endinayo eqeleni lam.

Into esinokuyenza kukuqhwabela umsebenzi weqela phambi komdlalo wokugqibela,” utshilo uDa Gama ethetha neentatheli.

Nangona imbali isithi Amatsatsantsa lelinye lamaqela aphambili kwicala lokuthatha iindebe – kodwa akufuni nokuyiva leyo into uDean Furman phambi komdlalo ozakube useSoweto.

“Siyazingca ngokuya emdlalweni wokugqibela kwiMTN – kodwa lo nto ayithethi ukuba asibuyanga nendebe.

Sizimisele ukuwenza umsebenzi – kodwa kunzima ukudlala neHighlands Park ngoba iyingozi. Sinembali embi emidlalweni yethu nayo,” utshilo uFurman.

Ukuphumelela kweSuperSport indebe ingazindaba ezimnandi kuKaitano Tembo onikwe ithuba lokuqeqesha kwisizini egqithileyo futhi osakhangela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi.

Phambi kwakhe uTembo, iSuperSport ikwazile ukuphakamisa iindebe phantsi kukaStuart Baxt no-Eric Tinkler iminyaka ilandelelana.

“Kungakuhle ukuba singayithathela umqeqeshi wethu indebe ngoba simphoxile kwisizini edlulileyo,” utshilo uFurman.