Idlulele kumjikelo olandelayo iStellenbosch FC emva kokubetha iTS Galaxy ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weMTN8 Cup obuvutha bhe eDanie Craven Stadium emalanga namhlanje. Umdlalo ophakathi kwala maqela mabini usoloko unika umdla, nalo wanamhlanje khange ubaphoxe abalandeli bebhola.
Abadlali babonakalise ukuzimisela okukhulu emizuzwini yokuqala kwisigaba sokuqala somdlalo. Mhlawumbi, kuba iTS Galaxy iye eNtshona Koloni izingena indlela yokuziphindezela emva kokuba yabethwa yiStellenbosch emdlalweni weCarling Cup kwisizini ephelileyo.
Umdlalo udlalwe ngesantya esiphezulu nakubeni bekudlalelwa ebaleni elibi ekuthiwa limoshwe yimidlalo yombhoxo kutshanje. Iifolosi zeStellenbosch zifumene amathuba okufaka amagowuli kwangoko emdlalweni – kodwa azikwazanga ukuwasebenzisa.
UMike Sebelebele ubhakuzelise umnatha yatsho yakhokela iTS Galaxy emzuzwini weshumi elinesibhozo. Iphendule iStellenbosch ngegowuli elifakwe nguJayden Adams oyingozi emzuzwini wamashumi amabini anesihlanu. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela ebambene ngegowuli elinye macala emdlalweni obushushu.
Anyuse umxakatho amaqela kwisigaba sesibini ngoba bekufuneka kubekho eliphumelelayo. Iye yafumana igowuli lesibini iStellenbosch emva kokuba uAndre De Jong efake ibhola emnatheni ngentloko. Kuthe kwakubonakala ukuba umcimbi ucalanye, uSteve Barker unike abadlali abatsha ithuba lokudlala.
Ufake uSanele Barns osuka kwiRichards Bay noBradley Mojela osuka kwiTS Galaxy emdlalweni ukuze baqhelane nabadlali ekudala bekhona. Igowuli lesithathu leStellenbosch lifakwe nguBasadien kwaphela ngayo iTS Galaxy kwiMTN8 eneshumi lezigidi zerandi.
Emva komdlalo, uSead Ramovic uvuyisene neStellenbosch ephumeleleyo – kodwa wayikhalimela iPSL egunyazise ukudlalwa komdlalo weMTN8 ebaleni elingekho semgangathweni ophezulu. Nakubeni umdlali wakhe efumene ikhadi elibomvu, uRamovic uthe imidlalo yeBetway Premiership iza kuqala yonke iqela liyilungele.
Kwelinye icala, uBarker uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo – kodwa naye ukhalile ngebala elibadlalise kakubi abadlali bakhe. Ngaloo ndlela iStellenbosch ingene ngevotsho kumjikelo olandelayo weMTN8 emva kwePirates ephumelele ngo’3-1 izolo.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns