MTN8: Ingayikhusela indebe iCape Town City?

URoland Putsche uthi angavuya ukuba iCape Town City ingayikhusela indebe yeMTN 8

Yiminyaka engaphantsi kwesihlanu ikhona iCape Town City kodwa ibonwa njengelinye lamaqela ayingozi futhi anamandla kwiPremier Soccer League.

Akothusi oko ngoba kule minyakana yayo, sele iphumelele iindebe ezibalulekileyo ezimbini – iTelkom Knockout neMTN 8.

Umqeqeshi weCity, uBenni McCarthy, uqononondise into ethi iqela lakhe ufuna lizame ukubamba intak’enkulu kunazo zonke kule isizini – indebe yeAbsa Premiership.

Nangona kunjalo, akakuchasanga kodwa ukukhusela iMTN 8 eqala ngempelaveki ngoba yeyona nto enokuhlupheza iqela lakhe.

ICity yamkela iPolokwane City emdlalweni weMTN 8 ekulindeleke udlalelwe eNewlands Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Ibhola ekhatywayo ibuyela eNewlands edume ngokusingatha imidlalo yombhoxo ngoba iCape Town Stadium isephantsi kolungiso.

Emva kokuphehlelelwa kwesiqendu esitsha seMTN 8 kwiveki ephelileyo, omnye wabadlali abaphambili kwiCity, uRoland Putsche, uthe unethemba lokuba iqela lakhe lakuthi likwazi ukukhusela indebe yokuqala kaMcCarthy njengomqeqeshi eliyiphumelele kunyaka ophelileyo.

“Ingayinto enkulu ukuba singayikhusela indebe yethu. Ndicinga ukuba singayenza lo nto ngoba indebe yeyona nto ebalulekileyo kwiCity.

Sizimisele ukulwela zonke iindebe ezidlalelwayo kwisizini ka2019/20,” utshilo uPutsche ngokuzithemba okukhulu.

Uvumile ke kambe uPutsche okokuba lukhona uxinizelelo emva kokuqokelela iindebe kwiisizini ezidlulileyo.

Sekukho nezinye iindaba ezingaduba inzolo kwinkampu yeCity ezingoMcCarthy obonwa njengomnye wabaqeqeshi abanokuthi baqeqeshe iBafana Bafana emva kokubeka phantsi kukaStuart Baxter emva kweAfcon.

“Lukhona lona uxinizelelo ngenxa yemidlalo emininzi kodwa leyo asinto esikhathazayo ngoba siyilungiselele.

Andizihoyanga izinto ezithethwayo ngomqeqeshi ngoba ndifuna ukusebenza naye apha.

Usengumqeqeshi osakhulayo kodwa ke kuxhomekeke kuye ukwamkela ubizo leqela lesizwe,” utshilo uPutcshe.

Nangona ukudlalela ekhaya kungayisebenzela iCT City, kodwa kufuneka izibambe ziqine xa idlala nePolokwane City ngoba iqhuba kakuhle kakhulu.

Kule sizini entsha, iPolokwane iphakathi kwamaqela aphezulu kwiPSL emva kokubetha AmaZulu neBlack Leopards.

Iqela lasePolokwane liza kuya eNewlands likhokelwa ligqala lomdlali uJabulani Maluleke.

Imidlalo yeMTN 8

NgoMgqibelo: Cape Town City vs Polokwane City @Newlands Stadium, 15:00; Orlando Pirates vs Highlands Park @Orlando Stadium, 18:00; Mamelodi Sundowns v Bloemfontein Celtic @Lucas Moripe Stadium, 20:15.

NgeCawe: Bidvest Wits vs SuperSport United @Bidvest Stadium, 15:00