Njengokuba abantu abaninzi bengasebenzi ngenxa yokudodobala koqoqosho nobhubhane eminyakeni egqithileyo (iKhorona) eyemka nemisebenzi, uninzi luye lakhangela ezinye iindlela zokwenza imali. Ukubheja yeyona ndlela elula abangene kuyo abantu. Lo nto iye yenze kwakhula amashishini okubheja eMzantsi Afrika.
Phambi kokuqala kwesizini yePSL, uBetway uye wabhengezwa njengomxhasi omtsha emva kokufaka imali eyiR900-million. Lo nto inyanzela iPSL ukuba ifundise abantu ngobungozi bokubheja okubaxiweyo. Noxa abantu bezuza ekubhejeni, kwelinye icala kuyingozi ukubheja ngoba abantu balahlekelwa yimali eninzi.
USihlalo wePSL, uGqrirha Irvin Khoza ebambisene noLaurence Michael wakwaBetway, batsho ngazwinye ukuba abantu mabangabheji bade bagqithise. Ethetha kwindibano yamajelo eendaba kwiveki ephelileyo, uGqirha Khoza uthe ukubheja notywala ziyingxaki ngoba abantu bazisebenzisa ngendlela engafanelekanga.
Njengenkampani ekubhejwa kuyo, uBetway kufuneka abafundise ngobungozi obuhamba nokubheja. “Sathetha noSA Breweries ngaphambili. Ndabangumntu ombi xa ndisithi akukho ngxaki etywaleni, ingxaki yindlela esibusela ngayo. Endaweni yokuselela ukonwaba, siselela ukuba sinxile.
“Ufuna enye emva kokugqiba enye. Nasekubhejeni kunjalo. Sithi abantu mababheje belinganisela,” utshilo uGqirha Khoza. Waleke umsundulo uLaurence ngelithi uyavumelanga nokuthethwa nguSihlalo wePSL ngokubheja. “Okuthethwe nguSihlalo ndiyavumelana nako. Akukho nto imbi ekubhejeni – kodwa kuba kubi xa ukwenza ngokugqithisileyo.
“Yilo nto esifuna bayazi abantu,” utshilo uLaurence. Ingqonyela yakwaResponsible Gambling Foundation, uSibongile Simelane-Quntana, ithe iinkampani zokubheja kufuneka zibafundise abantu ngobungozi bokubheja okungenamda.
“Kufuneka siqhubele phambili nokufundisa abantu baseMzantsi Afrika ngokubaluleka kokubheja ngobulumko. Sithi ebantwini mabangasebenzisi imali engaphaya kwabanayo bade bangene ematyaleni. Buya umva uphinde uzame ngenxesha elifanelekileyo,” utshilo uSimelane-Quntana.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman