Mzinzi: Ayithengiswa iChippa United

Isaci esithandwa kakhulu ngamaXhosa xa kukho into ekrokrelekayo ukuba iyenzeka sithi kungaqhuma kubasiwe.

Kodwa isikhulu esiphezulu seChippa United sithi kuqhuma nje ngoba akubaswanga. Abantu baseMpuma Koloni bavuswe ziindaba ezithi iqela labo lisecicini lokuthengiselwa oosomashishini baseGoli abafuna ukuvuselela iMoroka Swallows. “Sizothukile nathi ezo ndabai,” utshilo uLukhanyo Mzinzi kwiBEE kuMhlobo Wenene FM izolo.

Iingxelo zithi, oosomashishi abaliqela baseRhawutini besebenzisana nomnumzana Panyaza Lesufi bakhangela iqela abanokuthi balithenge ukuze babuyisele iMoroka Swallows ezikayo kwiNational First Division kule sizini.

Izinyoni zaseDube zathotyiselwa kwisizini ka’2014/15 ngenxa yokungabikho kozinzo kulawulo lweqela. “Abantu baseMpuma Koloni balindele iqela labo libephakathi kwamaqela asibhozo xa kuphela le sizini.

Ayikho le nto kuthiwa iyathengiswa iChippa United. ULesufi uyasebenzisana nosihlalo weChippa ngezinye izinto, kodwa ezo zinto azibandakanyi iChippa. Eli qela lizinze eBhayi lidlale kakuhle kule sizini, kwaye lime kwindawo entle kwiPSL.

Ekuqaleni konyaka kubekho iingxelo ezingaqinisekiswanga ezithi iChippa United iyasokola kwicala lemali. Kodwa ukuzothi ga ngoku usihlalo weli qela uSiviwe Mpengesi akakaphumeli elubala.

Alinabo abaxhasi ngaphandle kwemali ephuma kwingxowa kamasipala naleyo isuka kwiPremier Soccer League iphuma ngenyanga.