Emva kwexesha elide esoyanyaniswa nesikhundla sokuqeqesha kwiChiefs, uPitso Mosimane ude wakhupha ilizwi. UMosimane uthe iChiefs mayiyekwe ikhangele umqeqeshi ngendlela efuna ukwenza ngayo ngaphandle koxinizelelo.
Leyo yimpendulo yakhe embuzweni ophoswe kuye yintatheli yezemidlalo kaSABC Sport. Amakhosi akhangela umqeqeshi emva kokuvala isizini endaweni yeshumi kwisizini ebimbi ka2023/24. Kwahamba uMolefi Ntseki kwakubi ngakumbi kuCavin Johnson.
Phakathi kwabaqeqeshi ebekuthethwa ngabo nguMosimane, uManqoba Mngqithi, uSead Ramovic noNasreddine Nabi waseTunisia – kodwa oqeqesha iqela eliphambili eMorocco ngoku. Yiminyaka elishumi
Amakhosi engaphakamisi ndebe. Ngoku akhangela umqeqeshi onokubuyisa isidima sawo. “Liqela elikhulu iChiefs. Mayiyekwe yenze ngendlela efuna ngayo. Wonke umntu undibuza ngale nto yeChiefs. Ndingumqeqeshi ozihloniphileyo, andinokwazi ukubeka iChiefs phantsi koxinizelelo.
“Ngeke ibe yinto elungileyo leyo. Asiyazi into eyenzekayo nabayicingayo. Bebaninzi kangaka nje abaqeqeshi, kutheni kufuneka ibe ndim ofuna ukuya kwiChiefs. Bakhona abanye abaqeqeshi abafuna esa sikhundla,” utshilo uMosimane ngempelaveki egqithileyo.
“Abaphathi bayo mabanikwe ithuba benze umsebenzi wabo. Ikhona into abayenzayo nangoku ngoba iChiefs liqela elikhulu. Ndinobudlelwane obuhle neChiefs futhi abaphathi bayo bangathetha nam nanini. Unyana wam idlala kwiChiefs Academy,” utshilo uMosimane.
Nangona uMosimane engenalo iqela emva kokushiya iAbha FC ebidlala kwiSaudi Pro League phambi kokuthotyiselwa kwayo, kulindeleke iChiefs ithathe uNabi ekuthiwa sevumile ukuza eMzantsi Afrika. UMosimane ngomnye wabaqeqeshi abaphambili ebholeni yezwekazi le’Afrika.
Wazibonakalisa ngokuvusa iMamelodi Sundowns yatsho yaziintshatsheli zeDStv Premiership amatyeli aliqela phambi kokuthatha iCAF Champions League neSuper League. Emva koko wayokuziqaqambisa kwiAl Ahly.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!