Nathi Nqoko: Siza kuyikhululisa ijezi iTshakhuma

Abadlali beSinenkani FC bevuyela igowuli emdlalweni we-ABC Motsepe League. Umfanekiso: Facebook

Ukhuphiswano lweNedbank oluquka amaqela adlala kwiDStv Premiership nadlala kumanqanaba asezantsi lusoloko lunezinto ezothusayo. Nalo unyaka awohlukanga kweminye. Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiMotsepe League, iSinenkani FC, lenze imbali ngokudlulela kumjikelo wesibini weNedbank Cup emva kokubetha iFree State Stars kumapenela emdlalweni wokuqala kwinyanga ephelileyo. Impumelelo yokuqala ilihluphezile iqela likaMnu. Nathi Nqoko, ngoku lithi lifuna ukwenza imbali ngokuba liqela lokuqala kwiMotsepe League eliphakamise indebe yeNedbank. Loo msebenzi uza kuqala ngempelaveki xa iSinenkani FC ivana amandla neTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni oza kube useMthatha Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

“Umoya mhle enkampini nabadlali bazimisele ngoba umbono wethu wokuthatha iNedbank Cup bawamkele. Sifuna ukuba liqela lokuqala elidlala kwiMotsepe League eliphumelele iNedbank Cup,” utshilo uMnu. Nqoko. Kulindeleke umdlalo ubenzima ngoba iTshakhuma Tsha yakhe yayingcamla impumelelo kwiNedbank Cup phambi kokuthengiswa kwayo kunyaka ophelileyo. Nangona kunjalo, abadlali beSinenkani bazimisele ukufela ebaleni ngoMgqibelo. “Umgama omde oza kuhanjwa yiTshakhuma uza kuyibetha. Siyayihlonipha yona – kodwa asiyoyiki tu. Sifuna ukuba ziintshatsheli sikwazi nokumela uMzantsi Afrika emidlalweni yeCAF,” utshilo uMnu. Nqoko.

Enye yezinto iSinenkani efuna ukuyibonisa abantu eMzantsi Afrika yitalente ekhoyo ezilalini. Usihlalo weli qela lase-Alfred Nzo uthe iTshakhuma izokuhlamba nje ijezi eMthatha. “Abadlali bethu baza kufumana ithuba lokubonwa lilizwe lonke. Kodwa eyona nto ebalulekileyo kuthi kukubonisa ukuba italente ikhona ezilalini ngoba kukho abantu abacinga ukuba ibhola yinto yaselokishini. Sifuna ukukhuthaza abasakhulayo babone ukuba ungayidlala ibhola kwinqanaba eliphezulu nokuba uphuma phi,” utshilo usihlalo weSinenkani.