Naye uPitso ucula iculo likaSteve Komphela

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, usole ibala njengoyena nobangela wokungadlali kakuhle kweqela lakhe – iculo eliculwe nguSteve Komphela emva komdlalo weBloemfontein Celtic neKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo. IMamelodi Sundowns iguqiswe phantsi ngo’2-1 yiPolokwane City namhlanje eLoftus Versfeld Stadium kumdlalo obunzima we-Absa Premier Soccer league. Amagowuli wePolokwane afakwe ngumdlalo owayefudula edlalela iDowns kwiminyaka engaphambili – uRodney Ramagalela. Igowuli lobika leSundowns lifakwe nguGeorge Lebese ngepenela kwisigaba sesibini.

Pedro Mapelo's photo.

Amasandawana awuphumelele umdlalo wawo wokuqala emva kokubetha iSuperSport United ngo’2-0 kwidabi lasePitoli kwiveki ephelileyo. Yona iCity ize inenqaku elinye kwiPSL emva kokudlala ntanganye neBaroka FC kumdlalo wokuvula isizini. Emva kokubethwa kumdlalo wokuqala, uPitso Mosimane uthe iqela lakhe lizamile – kodwa ibala belingayivumeli indlela elidlala ngayo ibhola. “Senze konke okusemandleni – kodwa ibala alisincedanga. Ngokuba ndivakala njengoSteve Komphela emva kokungaphumeleli; asiphumelelanga ngenxa yebala – yinyaniso leyo. Eli bala alisincedanga. Umthetho wethu sidlala ibhola ehamba phantsi, lo nto ayenzekanga apha – kodwa ke libala lethu. Angeke sikhalaze,” utshilo uPitso emva komdlalo.

Pedro Mapelo's photo.

UJingles uphawule nangoRamagalela odlale umdlalo oncomekayo kakhulu namhlanje. “Kubalulekile ukuwasebenzisa amathuba emdlalweni. Ndiyayihalalisela iPolokwane City nomqeqeshi; benze umsebenzi omhle kakhulu. Balwile apha, kodwa umdlalo wabo ubuqhawu-qhawuka. Ndicinga ukuba uRamagalela ubenomdlalo angazange awufumane ebomini bakhe. Kodwa ke yintlalisenzeka leyo xa sidlala nabadlali ababedlalela iDowns. Yifolosi edlala kakuhle kakhulu, andiqondi uyakuze afake igowuli elinjeya kwakhona,” utshilo uPitso kwiSuperSport TV.

Komnye umdlalo, iChippa United ingombe AmaZulu ngo’2-0 kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium namhlanje. Kanti yona iBaroka FC yabelene ngenqaku ne-Orlando Pirates emva kokudlala ntanganye ngo’1-1 kumdlalo obusePeter Mokhaba Stadium.