Nayo iMadagascar ithi “ASIZI” eMzantsi Afrika

Arthur Zwane with Molefi Ntseki, coach of South Africa during the 2019 International Friendly South Africa training at the Orlando Stadium, Soweto on the 05 September 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Akukho
mdlalo oza kudlalwa liqela lesizwe loMzantsi Afrika emva kokuba nayo iMadagasca
ithe “ASIZI”. IMadagascar ingene endaweni yeZambia ewuchithileyo umdlalo
wangempelaveki obuza kuba phakathi kwayo noMzantsi Afrika ngenxa yodushe
ekuhlaselwe kulo abantu bamanye amazwe kwiindawo ezifana nePitoli, iTembisa (eKurhuleni)
naseGoli ukusukela ekuqaleni kwale veki. Isizathi esibekileyo iMadagascar kukungaqiniseki kakuhle ngokhuseleko labantu bayo njengokuba kuhlaselwa abantu bamanye
amazwe eMzantsi Afrika.

Ayikho enye
into enokwenziwa zizikhulu zeSafa ngaphandle kokuchitha amanzi ngoba inkukhu
ibalekile. Umqeqeshi weBafana Bafana, uMolefi Ntseki, uphoswe lithuba
lokufumana umdlalo phambi kwemidlalo ebalulekileyo eza kudlalwa liqela lakhe
phambi kokuphela kwalo nyaka. “Iqela lesizwe lethu liye lacelwa nguMzantsi
Afrika ukuba lidlale nawo umdlalo wobuhlobo. Siye savuma ekuqaleni – kodwa abezokhuseleko
baye bavakalisa inkxalabo kwicala lokhuseleko. Siyaxolisa kwiSafa exhamlekileyo
ngokulungiselela umdlalo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiThe Malagasy Football
Federation…. —African News Agency (ANA)