Idlulele kumjikelo olandelayo iMamelodi Sundowns emva kokuba ibambene ngegowuli elinye neAS FAR emdlalweni weCAF Champions League obuseLoftus Stadium ngorhatya namhlanje. Amasandawa aye emdlalweni wanamhlanje edinga inqaku elinye ukuze afumane indawo kumaqela asibhozo ashiyekileyo kwiChampions League.
Awenzile umsebenzi atsho alinganisa iPirates ebethe iAl Ahly ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseYiphutha ngorhatya layizolo. Iphantse yasengxakini iSundowns emva kokuba uTumisang Orebonye ezame ukufumana igowuli ngebhola eye yamoyisa. Khange kube kudala emva koko, uPeter Shalulile ubhakuzelise umnatha ngebhola ayifake ngentloko.
Igowuli alifakileyo uShalulile lelesibini ngoba nasemdlalweni weChampions League odlulileyo bekuncede yena. Amasandawana anyuse umxakatho ekhangela igowuli lokuqinisekisa impumelelo kungekayiwa kwixesha lokuphumla. Ulifumene elinye ithuba uShalulile emva kokudlalelwa ibhola nguThapelo Morena – kodwa wala uEl Khayati ezipalinini zakhe.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla uxinixelelo lukwiqela elindwendweleyo. Akukho nto engabaliswa kwisigaba sesibini kangako ngaphandle kwegowuli elifakwe nguAmin Zouhzouh sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Inqaku elinye liyithathe iAS FAR layibeka phezulu kuGroup B. Inamanqaku alishumi onke, emva kwayo yiSundowns enamanqaku alithoba.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup