“Ndakuthetha nabo emva komdlalo”

George Lebese of Mamelodi Sundowns during Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Polokwane City at Loftus Versveld Stadium, Pretoria South Africa on 22 August 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UGeorge Lebese,
obekade edlalela iKaizer Chiefs, uwujonge ngamehlo abomvu umdlalo ongokuhlwa
namhlanje. IMamelodi Sundowns yamkela Amakhosi kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League okulindeleke utak’iintantsi eLuftus Verfeld ngecala emva kwentsimbi
yesixhenxe ngokuhlwa. ULebese, 28, uzakudibana neChiefs okokuqala ukusukela
mhla washiya iChiefs phambi kokuqala kwesizini ka-2017/18. Lo mdlali wahlala
iminyaka esondele kwishumi kwiChiefs, namhlanje wonke umntu ozakujongile ukuba
uzakuqhuba njani xa edibana noogxa bakhe baseNaturena.

Okubonakalayo
kukuba ingqondo kaLebese uyibeke kulo mdlalo wanamhlanje yonke kwaye
akazimiselanga kuphazanyiswa zezinye izinto. “Kum eyona nto ibalulekileyo
ngamanqaku amathathu kwiqela lethu qha, ngoba wona azakusithatha asibeke
kwindawo esiyifunayo. Ndigqibe kwelokuba ndiyibeke ecaleni indlela endiziva
ngayo. Umsebenzi obalulekileyo ngoweqela,” utshilo uLebese.

Njengomdlali
obedlalela iChiefs ngaphambili, uLebese uthi ugqibe kwelokuba angathethi
nabahlobo bakhe abadlalela iChiefs isithuba esingangeeveki ezimbini. “Akunzimanga
kum ukubeka ecaleni yonke into ndiqwalasele kule. Kudala ndibabaleka abadlali
beChiefs kwezi veki zimbini zidlulileyo ngoba ubalulekile lo mdlalo.
Ndakuthetha nabo emva komdlalo. Ndiyayihlonipha iChiefs ngoba liqela elikhulu
kwaye indifundise yonke into – kodwa ukuba ndifake igowuli [kuyo] ngeke
ndingalivuyeli. Ndisendaweni ekonwatyiweyo kuyo,” utshilo uLebese izolo.