Ndayithanda kuba yohlukile iDowns – Onesimo Nofemele

onesimo nofemele

Umlandeli wakudala webhola ekhatywayo uxelele I’solezwe lesiXhosa indlela awayeyibukela ngayo ibhola ngeentsuku zakudala nentsusa yothando lwakhe lweMamelodi Sundowns.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Nceda usazise ngawe, ungubani Mhlekazi?

Umlandeli: Igama lam ndingu-Onesimo Nofemele. Ndazalelwa kwilali yalapha eBizana ebizwa ngokuba yiMt Zion. Ndingumlandeli omkhulu weMamelodi Sundowns.

PM: Gqaba gqaba, waqala nini ukuba ngumlandeli weDowns?

Onesimo Nofemele: Yooh! Ukubangumthandi weSundowns ndakuqala kudala kakhulu. Ngezo ntsuku kwakusadlala abadlali abafana nooBennet Masinga.

Kwezi lali zethu kwakungekho mizi mininzi ebomabonakude (TV). Lo nto yayisinyanzela ukuba siyogcwalisa kulo mzi mnye oneTV.

Mna ndandithanda ukuhamba nomfo owayekhubazekile wakwaRhadebe – igama nguLindile Ngongoma. Ndangena kanjalo ke kwiSundowns.

PM: Yintoni le wayithandayo kwiiBrazillians?

ON: Ndayithanda iMamelodi Sundowns kuba inomahluko kwamanye amaqela. Eyona nto endaye ndayithanda sisitayile edlala ngaso umdlalo wayo.

Ngalo maxesha kwakukho iinto zoo-Ewe Khambule. Umdlali nokuba udlala emva ngaloo maxesha – kodwa wayenendlela ethile yokunxulumana noogxa bakhe xa kusiyiwa phambili.

PM: Ngoobani abadlali obathandayo, kuba kutheni?

ON: Baliqela abadlali endibathandayo. Abanye ngabadlali bakudala – kodwa ndibathanda phantse bonke aba bakhoyo. Amadoda endandiwathanda ngooSizwe Motaung, Samuel Ewe Khambule nooJoel ‘Fire’ Masilela.

La madoda ndiwabalileyo ngawo awayekwazi ukuyinika amandla iSundowns xa idlala kwaye ayesebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke. Into endandiyithanda kakhulu kuMasilela kukuba wayekwazi ukuvula nokuba kuvaliwe.

Ngoku umdlali owenza iDowns idlale kakuhle nguHlompho Kekana.