‘Ndaziva ndiyimbaleki yokoqobo eJamani’

UXolisa Bici oyimbaleki

Emva kwamashumi amabini anesibini eminyaka eyimbaleki, uNksz. uXolisa Bici ubalisa izinto ezintle nangona iimeko kwindawo ahlala kakuyo zingekaguquki.

UBici, 40, obalekela iHlazo Athletic Club, waqala ukubaleka eselula emva kokubukela oomakhelwane bakhe kanti ngenye imini uza kubona ngumpondozihlanjiwe oye nakooJamani.

“Ndaqala ukubaleka ngo-1996. Ndandibukela abantwana bendlu endandihlala kuyo kanti sisiqalo sento endiyithandayo. Ndandimane ndibalandela xa besiya ejimini. Bathi mandiyokubaleka kugqatso olwaluseMthatha endabuya ndiphumelele kulo.

“Kusabalekelwa ooTNBS ngoko kanti kumhla ndiqala ukubaleka into ebhadlileyo. Zange ndiphinde ndohlukane nako. Ukubaleka ndiyakuthanda ngoba ngako, ndiyakwazi ukuliphilisa usapho lwam.

“Into endiyithandayo ekubalekeni kukuba kundakhile kwandifundisa ukuhlonipha abantu. Ndingumntu owaziwayo elizwenu namhlanje ngenxa yako,” utshilo uBici waseNgqamakhwe kodwa ohlala eGcuwa.

Ngenxa yokuzimisela kwakhe ekubalekeni, uBici waya kukhuphisana neembaleki zehlabathi eJamani ngo-2018 esiwe lisebe leZemidlalo.

“Ukuya kwam eJamani kwandivuyisa kakhulu. Ndatsho ndaziva ndiyimbaleki eyaziwayo ezweni lonke. Ingase iimbaleki zifumane iinkxaso kule ndawo yethu. Yonke into siya zizamela.

“Ukuba awunayo imali yokuhamba, awukwazi ukuya ezindaweni ngoba asinamntu osincedisayo. Ingase kwezi iindawo zethu silungiselelwe iindawo zokuzilolongela ngoba imeko yezi zikhoyo imbi kakhulu,” utshilo uBici.

Uthe ikhorona imphazamisile kakhulu ngoba ukubaleka yeyona nto asusa ngayo ikati eziko.

“Ikhorona iziphazaisile izicwangciso zam ngoba ngoku ndihleli phantsi ixesha elide ndingakwazi nokuzilolonga. Kungoka ndiqalayo ukujima kodwa nalapho ndijima nje ngoba akukacaci kakuhle okokuba sakubaleka nini na,” utshilo uBici.

Apha kwiphondo leMpuma Koloni, uXoliswa Bici yenye yeembaleki ezaziwayo emva kokuqokelela amava neembasa kwimidyarho yeembaleki eyaziwayo efana neeHeroes Marathon.