‘Ndifuna siqale ngeTelkom kule sizini’ – Thabisa

Thabisa Lobese

I’solezwe lesiXhosa lincokole negqiyazana elithanda kakhulu ibhola ekhatywayo neqela layo, i-Orlando Pirates.

Le nzalelwane yaseTsholomnqa ibalisele eli phephandaba labantu ngendlela eyahendeka ngayo ukuze izibone sele ingumlandeli weBucs ngeminyaka yoo-1990.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Khawuzichaze, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguThabisa Lobese, ndihlala kwindawo ekuthiwa kuseSanta, eWest Bank.

PM: Yinto emnandi ngokuba ngumlandeli we-Orlando Pirates?

Thabisa Lobese: Ndiyayithanda ibhola. Ekhaya, ndikhule usisi wam engumlandeli omkhulu wePirates. Kumnandi ukulandeli iqela elikhulu njengeBhakaniya elidlala kakuhle nangona isiphoxile nje kwisizini ephelileyo.

PM: Gqaba-gqaba, kwenzeka njani ukuze ubengumlandeli ngokupheleyo?

TL: Ndaqala ukulandela ibhola phaya ngoo-1992, ndisahla eTsholomnqa. Usisi wam nguye owenza ndiyithande iPirates. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba ndiyayithanda. Ndandibanomdla kakhulu xa ndibona abadlali benxibe izikipha zabo belungiselela ukudlala.

PM: Njengokuba nilahlekelwe ngumqeqeshi, uziva njani?

TL: Ukuhamba komqeqeshi akuzusichana ngoba * -Augusto Palacios uyayazi iPirates. Ndiqinisekile ukuba uzakwenza kakuhle. Akundixhalabisanga ukuhamba kukaMuhsin Ertugral.

PM: Ulindele ntoni kwiBucs kule sizini?

TL: Kule sizini ndifuna siqale ngeTelkom Knockout, emva koko silandelise ngendebe ye-Absa Premier Soccer League. Ndibathembile abadlali, bazakuzinyusa iikawusi.