“Ndifuna ukuqaqambisa umbhoxo wamanenekazi welizwe lam eYurophu”!

UBabalwa Latsha edlalela iqela lakhe laseSpain ekuthiwa yi-Eiba. Umfanekiso: Uthunyelwe

East London  – UBabalwa Latsha uzimisele ukwenza ezibukwayo xa ebuyeka eSpain kwakhona
emva kokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho liqela lombhoxo ekuthiwa
yi-Eiba Rugby Taldea kwiintsuku ezidlulileyo
kule veki. Le nzalelwane yakwaBhaca – kodwa ngoku eseyihlala eKhayelitsha,
eKapa, ibe ngumdlali obalulekileyo kwi-Eiba emva kokuyinceda kwisizini
egqithileyo. ULatsha, 26, wafumana ithuba lokudlala eSpain ekuqaleni kwalo
nyaka emva kokubonwa ngabazingeli betalente baseYurophu xeshikweni wayedlalela
iqela lesizwe loMzantsi Afrika lamanenekazi (South African Women’s Rugby) eBhayi ekuzeni kuphela kuka-2019. “Ndonwabe
kakhulu futhi ndiziva ndiwongekile,” utshilo uLatsha obenovuyo olukhulu ethetha
neli phephandaba. “Ndizimisele ukulibamba ngezandla zozibini ithuba lokudlala
phesheya kwakhona. Ndiza kwenza endikwaziyo njengomdlali wombhoxo kwaye ndifuna
ukuphakamisa negama lombhoxo waseMzantsi Afrika. ULatsha ngumdlali wokuqala
wombhoxo olinenekazi ofumene ithuba lokudla kwinqanaba eliphezulu eYurophu.

ULatsha,
owaqala umbhoxo ngo-2014, udlalele amaqela wombhoxo aquka i-University of
Western Cape, iWestern Province neqela lesizwe loMzantsi Afrika elizibekele
indawo kwiNdebe yeHlabathi eza kubanjelwa eNew Zealand kunyaka ozayo ukuba
ukwanda kweKhivithi-19 kuye kwehla. Yinto enkulu kakhulu ukubuyeka eYurophu
kuLatsha kwaye ufuna ukwenza imbali ngaphezulu kunesizini edlulileyo.
“Isivuselele isivumelwano sam sengqesho i-Eiba ngenxa yomsebenzi omhle
endiwenzileyo kwisizini edlulileyo. Khumbula kaloku ukuba ndingulo walala emgceni
izihlandlo ezilishumi elinesithathu (13) emidlalweni esixhenxe nje kuphela. Lo
nto iyodwa ichaza kakuhle indlela endizimisele ngayo. Ndifuna umsebenzi
endiwenzayo uqaqambise umbhoxo wamanenekazi aseMzantsi Afrika ngakumbi
kwisizini ezayo. Iyandivuyisa kakhulu into eyenzekileyo,” utshilo uLatsha.
Akukacaci nokuba imidlalo yombhoxo iya kudlalwa nini na kwakhona ngenxa
yekhorona.