“Ndifuna ukuziveza ukuba ndingubani apha kwiMaritzburg United”

Keletso Makgalwa of Maritzburg United during the MTN 8 Quarter final match between Maritzburg United and Cape Town City on the 12 August 2018 at Harry Gwala Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kokuvinjwa ithuba lokudlala kwiMamelodi Sundowns,
uKeletso Makgalwa uthi uziva esekhaya kwiMaritzburg United ukusukela oko
efikile kuyo. IDowns igqibe kwelokuba ibolekise ngaye lo mdlali emva kokuchitha
ixesha elide idlale kwiMultiChoice Diski Challenge (MDC) – apho afumene ithuba
lokudibana nabadlali abafana noSiphelele Ndlovu noBandile Shandu. “Besidlala
ndawonye kwiMultiChoice Diski; abanye babo besidibana kumaqela esizwe
amancinane. Siyazana futhi zininzi nezinto ezisenza sivane. Yilo nto eyenze
ndakhawuleza ukuqhela kwiMaritzburg United,” utshilo uMakgalwa.

Lo mdlali ofikayo kwiTeam of Choice uyitshaye isaqhuma.
Ngoku umanagowuli amabini phantsi kwegama lakhe nakubeni lingaqhubanga kakuhle
nje iqela lakhe kwimidlalo emithathu eliyidlalileyo ukuzothi ga ngoku kwisizini
entsha. UMakgalwa uthi kunezinto afuna ukuzilungisa emdlalweni wakhe ngoku
akwiMaritzburg kwaye uthi ukuba ezo zinto zingalunga, anganumdlali osezingeni eliphezulu
kakhulu. “Ndicinga ukuba kufuneka ndifunde ukuthatha izigqibo ezihle xa
ndihlasela, ndiphinde ndikwazi ukudala amathuba emdlalweni. Ndifuna ukuqhubela
phambili nokufaka amagowuli ngoba yeyona nto endiyaziyo kakhulu. Ndiza kuzama
ukusebenza nam xa ibhola ingekho kuthi ngoba xa ikum, ndiyakwazi
ukuyisebenzisa,” utshilo uMakgalwa kwiSolezwe.

UKeletso Makgalwa unethemba lokuphucuka komdlalo wakhe
njengokuba kubolekiswe ngaye yiSundowns enabadlali abaninzi abangadlaliyo
ngenxa yokhuphiswano olunzima phakathi kwabadlali. “Imfihlelo isekusebenzeni
ngokuzimisela. Ndifuna ukuziveza ukuba ndingubani apha kwiMaritzburg United.
UPercy Tau noMadisha basisibonelo esihle, nam ndinethemba lokufika kwizinga
abakulo,” uvale ngalo mazwi uMakgalwa ozibalule ngobuchule obungummangaliso
ebholeni.