‘Ndifuna ukwenza imbali’

Ndifuna ukuba ngumdlali wokuqala omnyama ukuwina igrand slam,” lawo ngamazwi kaKhololwam “Kholo” Montsi ongumdlali wentenetya osaze ngobuso ezweni.

UKholo ubeyinxalenye yeqela leTenniss SA ebelithatha inxaxheba kwitumente yeAssociation of Tennis Professionals (ATP) ebibanjelwe eAustralia kwiveki ephelileyo.

Egudlana imiqolo namagqala afana noKevin Anderson, Lloyd Harris, Raven Klaasen, Ruan Roelofse noJeff Coetzee, uKholo badlale kakuhle kwimijikelo yokuqala kodwa babhidwa yinja ukuvuthwa ngethuba bebethwa yiFrance nto ibavalele ngaphandle kumaqela asibhozo aza kulwela ubuntshatsheli.

UKholo oyinzalelwane yaseMonti, ube ngoyena umncinci kwiqela loMzantsi Afrika kwaye uzimisele ukuza nendumasi xa edlala kwiAustralian Junior Open ebudeni bale nyanga.

Eli tyendyana lithi lothuswa kukupikwa kwalo ukuba lidlalele iqela elikhulu leTenniss SA.

Ngoku sele edlala kwinqaba eliphezulu kodwa ekuqaleni bekunzima kakhulu kuye ngenxa yomonzakalo.

Lo mdlali ophantsi kweAnthony Harris Tennis Academy uthi ngethuba ebizwa ubesazinyanga kodwa ekulungele ukudlala.

isibhalo@inl.co.za