‘Ndilapha ngoku futhi ndonwabile” – Pule

UVincent Pule weBidvest Wits UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kwinyanga ephelileyo, Ezimnyama zabhengeza amagama wabadlali abatsha. Omnye wabo badlali linxele elinguVincent Pule.

Le ndedeba ebifudula idlalela iBidvest Wits iza kuba yinduku esemgqubeni yeOrlando Pirates njengokuba kulindeleke izame ukubuyisa isidima sayo kwibhola yezwekazi leAfrika ilwele nendebe yePSL.

Uphekwa esophulwa uPule nabanye abadlali enkampini – apho balungiselela ukuqala kwemidlalo yePSL ngomhla wesine kwinyanga ezayo.

“Kumnandi ukuzothi ga ngoku; ndiyayithanda indawo endikuyo. Into endivuyisa kakhulu bubunye obukhoyo eqeleni; yonke into siyenza sonke xa sizilolonga. Sitya ndawonye futhi nohlalutyo lwendlela esidlala ngayo silwenza sonke. Sibumbene; lo nto yenza kube lula kum ukuqhelana nabanye abadlali,” utshilo uPule kwikhasi lomnatha lePirates.

UMilutin “Micho” Sredojevic ebekhe wathi tsi gxada kwilizwe laseZambia – apho iqela lakhe belicweya namaqela amakhulu. Zonke ezo nquleqhu zenziwa kuba umqeqeshi efuna kuthi kuvulwa isizini, babe abadlali bakhe abatsha beyibambile indlela afuna badlale ngayo, futhi beqhelene nendlela izinto ezenziwa ngayo kwiBucs.

“Ndonwabile apha, wonke umntu undamkele. Umoya uphezulu enkampini nendlela esamkelwe ngayo ngabaqeqeshi iyachulumancisa. IPirates idlale umdlalo owahlukileyo kulowo ndiwuqhelileyo kwiWits. Ndandinalo ixhala ekufikeni kwam. Izinto ziguqukile emva kokucaciselwa indlela ekusetyenzwa ngayo ngumqeqeshi. Izinto ziza kakuhle. Ndikhe ndadlala namadoda afana noBen Motsweri noXola Mlambo kwiWits kwelinye icala, ndikhe ndadlala noThabo Qalinge kwiBafana Bafana. Kuyandivuyisa ukungqongwa ngabadlali abafana noLuvuyo Memela noThembinkosi Loch,” utshilo uPule.

UPule uvale ngelithi, bengabadlali, bazimisele ukuqinisekisa ukuba iqela libuyela kwinto yalo elaziwa ngalo – ukuphumelela