Ndilixhoba lokungonjwa yiFIFA, utsho uBlatter

Umongameli weFIFA uSepp Blatter kunye nengqonyela ye-UEFA uMichael Platini bobabini banqunyanyiswe iminyaka esibhozo, kuyo yonke imisebenzi enento yokwenza nebhola ekhatywayo.

Esi sibini siye safunyanwa sinetyala, mayela nemali ezizigidi esizibini zeedola nekutyholwa ukuba uBlatter wayinika uPlatini ngonyaka ka2011. Ikomiti ejongene nezimilo yeFIFA iye yafumanisa ukuba uBlatter noPlatini basebenzise gwenxa izikhundla zabo. “Ndicela uxolo ngokuba ndihlale ndisisigculelo sokungonjwa yiFIFA, ndicelela uxolo ibhola ekhatywayo, kwaye ndiyaxolisa nangala matyala ndifunyenwe ndinawo,” utshilo uBlatter kwinkomfa ibibanjwe noonondaba eSwitzerland izolo.

“Ndizakuzilwela mna ndisisiqu, kwaye ndizakuyilwela i-FIFA,” wangeze ngelitshoyo uBlatter. UPlatini yena esi sigqibo sokuba nqumamisa usichaze njengebholo elenziweyo ukungcolisa igama lakhe. Kwaye bobabini uBlatter noPlatini bayaziphika izithyolo abazibekwayo ngelithi abanatyala. UBlatter uye wathembisa ngokuya emagqwetheni nalo mcimbi, ukuhlamba igama lakhe.

UBlatter wangena kwisikhundla sokongamela i-FIFA ngonyaka ka1998. Kwaye ebesele ebhengezile ukuba uzakwehla kwesi sikhundla. Nje ngokuba kulindelwe inkomfa yolonyulo lukamongameli omtsha ngoFebruawari wonyaka ozayo.Ngaphambili ebekhona amarhe akhe adibanisa uPlatini nesi sikhundla sokongamela i-FIFA. Kwaye ukhe waphumelela iwonga lokuba ngumdlali ophambili we-European League izihlandlo ezithathu. Kwaye wayekhe waba yikapteni yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo eFrance. Ubengumongameli we-UEFA ukusuka ngonyaka ka2007. UBlatter yena ebekhabela kude yonke into esisithyolo athe wabekwa yona, kwaye ithembisa ngokuba uzakuzilwela. Ukwathe uhlazekile.