Ndim inkunzi aphe Afrika kwiWelterweight, utsho uThulani Mbenge

Thulani Mbenge.

Emva kokuphumelela umlo obukwimpelaveki egqithileyo, uThulani “Tulz” Mbenge uthi nguye inkunzi kwintshinga yeWelterwight apha eMzantsi Afrika. UTulz ukuthethe oku emva kokuba ebethe imbethimanqindi yaseTanzania egama lingu-Idda Pialari kumjikelo wesibini kungaphelanga nemizuzu emibini emlweni obubanjelwe eSandton, eGoli. Kuye kwanyanzeleka ukuba usompempe, uMnu. uThabo Spampool, ayinqandele indoda yaseTanzania emva kokonganyelwa nguMbenge waseMpuma Koloni – kodwa ozinze kwiphondo laseGauteng. Ethetha emva komlo, uMbenge uvakalise uvuyo lwakhe emva kokuhlala isithuba esingaphaya konyaka engafumani mlo.

“Ndonwabile kakhulu – kodwa ukuba uyajonga kumanqwanqwa amanqindi, uya kuphawula ukuba ndinexesha elide ndingasalwi. Lo nto ithi bekufuneka ndizilole – kodwa ndonwabile emva komdlalo. Okundenza ndichulumance kukuba ndisenawo amandla kwaye indlela endilwa ngayo isandisebenzela,” utshilo uMbenge emva kokuwisa indodana yaseTanzania. Iyamkhathaza into yokunqatyelwa yimilo uThulani Mbenge noxa iyinto engaphaya kwamandla wakhe. Ufuna ukulwa rhoqo ukuze akwazi ukukhulisa isakhono sakhe samanqindi. “Akuncedi nto ukuzilolonga, into efunekayo yimilo ukuze ndikwazi ukukhula njengembethimanqindi,” utshilo uMbenge. Uye wabuzwa uMbenge ngokufunwa kwakhe nguChris Van Heerden – enye yeembethimanqindi ezikudidi akulo.

“NguChris oze enkampini yam wathi ufuna mna. Kodwa uyazi ukuba ndim inkunzi kwiWelterweight apha kwizwekazi le-Afrika. Akekho ke omnye umntu anokulwa naye ngaphandle kwam. Ezinye izinto azithethayo andizihoyanga. Into ebalulekileyo kukuba mna naye sidibane eqongeni qha. Kubalulekile kum ukufumana imilo kangangoko. Yena ndingambetha nanini na ngoba ndinawo amandla okwenza lo nto,” utshilo uMbenge emva komlo olula. Ukuba akanakulwa noChris, kunokwenzeka ahlale ixesha elide futhi uMbenge engalwi ngoba zinqabile iimbethimanqindi ezifuna ukudibana naye. “Nguye endinokulwa naye apha ekhaya. Yiyo lo nto kufuneka sihlale phantsi sijonge ukuba asinakuwufumana na umlo naye. Kufuneka ubelapha eMzantsi Afrika umlo ngoba sobabini siyaziwa,” uvale ngaloo mazwi uTulz.