Ndinalo ithemba kule isizini utsho * Sanda

I’solezwe lincokole nenye yamadoda adlale indima enkulu ekukhuleni kwabalandeli beKaizer Chiefs eMpuma Koloni. Kolu dliwano-ndlebe usixelela nendlela abaseka ngayo isebe labalandeli lokuqala eMonti.

Pedro Mapelo: Gqaba-gqaba, umhlekazi ngubani ehlalaphi, njengokuba ungulandeli webhola ekhatywayo, udibene nayo njani?

Umlandeli: Igama lam ndingu Lindikhaya Sanda. Ndazalelwa eGcuwa, kwindawo yaseMgomanzi – kodwa ke ngoku ndihlala eHavean Hill apha eMonti. Ndaqala ukulandela ibhola ekhatywayo neChiefs ngo’1984. Ngezo ntsuku kwakudlalwa ibhola ngabadlali abafana nooMarks Maponyane, Scara Thindwa kwalandela ooDoctor Khumalo kwiminyaka elandelayo. Kwakungekho masebe wabalandeli ngezo ntsuku. Ndadibana nabanye abalandeli eRhawutini – abasifundisayo ngokusekwa kwesebe. Saza savula iKaizer Chiefs East London Supporters Branch ngo’1999. Isebe lokuqala apha eMpuma Koloni lasungulwa sithi apha eMonti.

PM: Kubaluleke ngantoni ukuba sesebeni xa ungumlandeli?

LS: Xa sidibene singabalandeli beChiefs, siyaqinisekisa ukuba silungisa izimilo zabantu. Sinomgaqo-siseko wethu kuba usincedisa nakulo mba wokuziphatha kakubi kwabalandeli ebaleni. Kwiindawo esihlala kuzo siyazama ukulwa nezinto esifana nokusetyenziswa kweziyobisi lulutsha nezinye izinto. Kuyamnceda umntu ukuba sesebeni leqela lakhe.

PM: Amakhosi asokole kwisizini edlulileyo, nakule kuqale kwanjalo – nangona kuya kubangcono. Ulindele ntoni kwiChiefs kule sizini?

LS: Ewe, bekunzima kakhulu – kodwa ndinethemba kule isizini. Ndiyavuya ngoku ngoba izinto ziyaphucuka nomqeqeshi siyambona uyazama. Abadlali bethu abatsha bayathembisa noko. Ndiyayithanda indlela abadlala ngayo phaya emva ooLorenzo Gordhino noBongani Khumalo.

PM: Yintoni ebangela ukunqaba kwabalandeli emabaleni?

LS: Into esiyibonayo apha kule indawo yethu kukuba abantu abanayo imali kakuhle. Siye sibancedise ke kodwa xa befuna ukuya emidlalweni ekwezinye iinddawo. Siyathetha ne-ofisi yeChiefs ngezinto ezifana nokusincedisa ngento yokuhamba ngoba yeyona nto isibethayo ngapha.