‘Ndinalo ithemba ngoba ndisebenze kakuhle ku-2017’

UBukiwe Anaconda Nonina ukhuphisana noomakhwekhwetha kwiwonga lembethi-manqindi yonyaka kwabasetyhiniumfanekiso : Facebook

Kushiyeke iiveki ezimbini kuphela phambi kokuba kutsalwe igama leyona mbethi-manqindi yasetyhini ethe yaqaqamba kunyaka ophelileyo.

Enye yeentokazi ezibetha inqindi ngokungenambaliso eMzantsi Afrika, uBukiwe “Anaconda” Nonina, izakube ikhuphisana noPrudence Mapule Ngubane noNoni Tenge ngewonga lomdlali wamanqindi olinina osebenze kakuhle ngo-2017.

Ngomhla wesibini kwinyanga ezayo, iBoxing South Africa, iSebe leZemidlalo neSABC ziza kusingatha ngokubambisana umsitho wokuwonga iimbethi manqindi zelizwe lonke eBoardwalk, eBhayi.

UNonina, 26, welali yakuMangce, eDutywa, unethuba lesibini lokubuya newonga lembethi manqindi yonyaka emva kokuphumelela ngo-2017 eThekwini – kodwa kweli ityeli uthi uyakubona xa isenzeka lo nto ngoba ukhuphiswano lunzima.

Noxa ukhuphiswano lulushica nje koosisi – akekho namnye kwezi mbethi manqindi zimbini akhuphisana nazo osebenze njengaye ngo-2017.

UNonina ulwe imilo emithathu – yonke uyiphumelele loo milo kakuhle.

Le ntshatsheli yeBantamweight yazenzela imbali entle kakhulu emanqindini ehlabathi ngokuthi ikhusele intshinga yayo izihlandlo ezihlanu zonke – into engazange yenziwa yimbethi-manqindi engusisi eMzantsi Afrika.

Kwimilo elishumi elinesithandathu, uNonina uphumelele imilo elishumi elinanye, wadlala ntanganye kwakanye waze wabethwa izihlandlo ezithathu.

Ukuchongwa kwakhe kwakhona kumawonga weBSA yinto ebalulekileyo kuye – kodwa uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ebeyilindele xa ejonga inkqubela ayenze kunyaka ophelileyo.

“Ndiyakuvuyela ukuchongwa kwakhona kula mawonga. Bendikulindele ukuchongwa ngoba ndisebenze kakuhle ngo-2017 – kodwa ukhuphiswano lunzima ngoba ndibotshwe noompetha emanqindini. Ndicinga ukuba ndiqhube kakuhle kunyaka ophelileyo – kodwa ke andiyazi into ecingwa ngabantu abathatha isigqibo,” utshilo uNonina.

“Le nto yenzekayo iyandichulumancisa ngoba ithetha ukuthi oosisi bayakhula emanqindini – kodwa ndinqwenela ukubona kuwongwa abanye abaninzi. Ndinethemba lokuphumelela kwaye kulo nyaka ndizimisele ukukhusela intshinga yam ndiphinde ndizame ukufumana iWBC Championship,” utshilo uNonina, oqeqeshwa ngu-Emmanuel Mutavhatsindi.