“Ndingumntu otshintshileyo ngenxa yePirates” – Mbekeni

I’solezwe lifumene inyhweba enkulu yokuncokola nomnye umlandeli ophambili we-Orlando Pirates kweli phondo leMpuma Koloni. Le ndedeba isibalisela indlela eyancedwa ngayo ziitshomi zayo ukuze ingene ebholeni ekhatywayo.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba labantu. Gqaba-gqaba, umhlekazi lo ngubani, ephumaphi, ibhola le udibene nayo njani, yona i-Orlando Pirates uqale nini ukuyilandela?

Umlandeli: Ndiyabulela. Igama lam ndinguXola Mbekeni. Ndazalelwa kwindawo yaseMzwini, eMooiplaas, kodwa ke ngoku ndihlala eReston kwalapha eMonti. Ukulandela iPirates ndaqala ngo’1992. Lo mini kwakhukho umdlalo omkhulu weBP Top 8 owawuphakathi kwePirates neMamelodi Sundowns. Yadlala umdlalo omhle iBhakajuju, ukusukela ngoko zange ndohlukane nayo. Ndancedwa kakhulu ngaMajita endandithanda ukuxoxa nawo imiba yebhola afana noMzukisi, Norman noFrance. Ngabona bandikhulisayo ebholeni. Umntu owandifaka kweli sebe nguZola Bhejula.

PM: Khawutsho, kutheni abalandeli kufuneka besemasebeni – yintoni ebalulekileyo?

XM: Yoh! Mna ndandisenza izinto ezimbi – kodwa ndathi ndakusondela kwi-Orlando Pirates East London Supporters Branch ndatshintsha kakhulu. Ndingumntu oguqukileyo ngoku. Kuninzi okufumanekayo ngaphakathi. Siyabelana ngezimvo, sifundisana nangokuhlonipha. Ndiyayithanda iPirates ngoba liqela elidlala ibhola entle.

PM: Aqale kakuhle AmaBhakaniya kwisizini entsha ka’2016/17, uziva njani?

XM: Ndivuya kakhulu. Kule isizini ndinalo ithemba noko ngenxa yabadlali esibathengileyo. Isiqalo esihle asindothusanga kwaphela kuba sifumene abadlali ababalulekileyo. Kulo unyaka iPirates igqiba amashumi asibhozo(80) eminyaka yasekweyo, kuyanyanzeleka ukuba kubekho into esiyifumanayo. Ukuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League yeyona nto iyifaneleyo iPirates.

PM: Ngubani oyena mdlali omthandayo kwiPirates?

XM: Yoh! Unzima lo mbuzo kum ngoba ndibathanda bonke abadlali bePirates. Ndiyabathanda abadlali abafana noLuvuyo Memela – kodwa uMpho Makola ngoyena uphuma phambili kum.

UMakola ngumdlali odlala kakuhle kakhulu kwaye uyakwazi ukubanceda abadlali abafana noTendai Ndoro.