‘Ndingumqeshi osafuna ukuziqaqambisa’

UJoel Masutha ngumqeqeshi obambeleyo kwiChippa United emva kokugxothwa kukaEric Tinkler kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Backpage

Abathengisi bezabelo eJohannesburg Stock Exchange banowona msebenzi onzima ngenxa yokuhla nokonyuka kweemalike zingabhungisanga.

Eyona nto ethi ibe yingxaki kubathengi bezabelo yingeniso elindelwe ngabantu abatyale imali noxa bewazi umngcipheko. Kodwa owona msebenzi onzima ngowokuqeqesha iChippa United.

Kufuneka indoda ilale ichophe ngeempundu. Kwiveki ephelileyo, iChippa United iphinde yangena kwiincwadi zembali ngokuthi iqeshe umqeqeshi wesithathu kungekapheli nesiqingatha sesizini.

Noxa kunjalo, uJoel Masutha uthi ukuhamba kwabaqeqeshi emaqeleni abawaqeqeshayo yintlal’isenzeka kwaye yena usengumqeqeshi osakhulayo futhi osafuna ukuziqaqambisa ebholeni ekhatywayo.

UMasutha uqeshwe yiChippa United njengomqeqeshi obambeleyo emva kokuba igxothe uEric Tinkler kwimpelaveki egqithileyo.

Oku kwenzeke emva kokuba iChippa ibethwe ngaMaZulu ngo’1-0 emdlalweni weAbsa Premier Soccer League obuseBhayi. Into efunwa yiChippa ziziphumo ezincumisayo, akukhathaliseki nokuba kuphantsi kweziphi na iimeko.

UMasutha ungena emhadini weengonyama ekwazi akulindeleyo.

“Ndisengumqeqeshi osakhulayo ofuna ukuziqaqambisa ebholeni ekhatywayo. Kuyenzeka abaqeqeshi bagxothwe okanye bahlale ixesha elide emaqeleni wabo. Yonke into ixhomekeka kokwenzeka ngalo mzuzu. Into endiyifunayo ngoku kukubona iqela lisuka kwindawo elikuyo. Asifuni kuxakeka xa kuvalwa isizini,” utshilo uMasutha kwi-IOL Sport.

Iingxelo zithi uMasutha uza kuxhuzula imikhala kude kuphele isizini. Inabo abadlali abasemgangathweni ophezulu iChippa United nakubeni yabathengisa nje abanye. Umdlalo wayo mhle – qha ingxaki yayo kukungabinaye umdlali okwaziyo ukufaka amagowuli.

“Sinabadlali abaphezulu kwiChippa. Kufuneka ndizame ukubabonisa indlela endifuna sisebenze ngayo ngoku qha. Ngeke ibe yinto elula leyo – kodwa sobe ndinikezele,” utsho uMasutha.