“Ndinjenje kungenxa yeMamelodi Sundowns”

Ngethuba uPitso “Jingles” Mosimane elibangisa kwelikaFaro kwiinyanga ezidlulileyo, ebantwini abaninzi babecinga ukuba uza kugxothwa emva nje kwemidlalo embalwa. Lo ngcingane yazalwa kukunganyamezeli kwamaqela amakhulu xa iziphumo zingancumisi. Endaweni yoko, kuthethwa ngeendebe ezimbini zonke phantsi kwegama lakhe uPitso – kwisithuba nje seenyanga ezimbini engumqeqeshi. Kutshanje, iAl Ahly ibe ziintshatsheli ze-Egyptian Premier League. Akukho nto etheni ngalo nto ngoba umsebenzi omkhulu ubuwenziwe nguRene Weiler – indoda angene endaweni yayo uMnu. Mosimane.

Emva kokuba iAl Ahly ibethe iZamalek ngo’2-1 kwiCAF Champions League ebusuku ngoLwesihlanu ogqithileyo, uJingles ufumene intlonipho ethe chatha ebholeni yase-Afrika wabonwa njengeqhayiya ngabantu baseMzantsi Afrika. Into ebangele kubekho umahluko kuJingles kule indebe kukuba yeyona ndebe inexabiso kwi-Al Ahly ebineminyaka iyifuna futhi idlule kwiRaja Casablanca neZamalek – iintshaba ezinkulu zeqela lakhe.

UPitso wenze imbali ngokuba ngomnye wabaqeqeshi abambalwa abaphumelele indebe yeChampions League kabini emaqeleni ohlukeneyo. EMzantsi Afrika nguye yedwa oyiphumelele kabini. Seso sizathu kanye esibangele uMongameli weSAFA, uGqirha Danny Jordaan, amchaze uPitso njengeqhayiya lesizwe. “Abantu baseYiphutha naseMzantsi Afrika ubenze banebhongo. Emva kokukhala kwempempe okokugqibela emdlalweni, sizive sinemincili singabantu baseMzantsi Afrika kwaye wonke umntu ebethetha ngegama lakhe,” utshilo ugqirha Jordaan.

Emva kwetumente yehlabathi, uPitso wabangumqeqeshi waBafana Bafana – kodwa washenziswa ngenxa yeziphumo. Akukho mntu owayesazi okokuba uza kuba ngumqeqeshi ophambili kwi-Afrika yonke namhlanje. Izinto zaguquka mhla wanikwa ithuba lokuvuselela iMamelodi Sundowns eyayitsala nzima nguMnu. Patrice Motsepe eminyakeni elithoba aqokelele iindebe ezilishumi elinanye eziquka neyeCAF Championns League.

Impumelelo kaPitso kwiSundowns yaliphamisa igama lakhe kwi-Afrika yonke. Ubuchule bakhe bokuqeqesha nokwakha iqela eliluqilima bagqama babonwa kanjalo yi-Al Ahly, iingangalala ze-Afrika. Emva kokunika iAl Ahly eyona ndebe yexabiso, uJingles uncome iSundowns eyamnika ithuba.

“Ukuvuma ukuqeqesha iqela elifana ne-Al Ahly zange ibe yinto elula. Ndancedwa yiSundowns. Sithi ngamaSandawana ngoba sinembali yeminyaka esibhozo nawo. Siphumelele iindebe ezininzi (11) senza nezinto ezinzi. Yiyo lo nto iliqela elikhethekileyo kum; yandinika ithuba. Ndinjenje namhlanje kungenxa yeSundowns. Ndibulela abalandeli bayo, iqela lonke nomongameli weSundowns. Ngeke uhlale apha xa ubethwe yiZamalek. Ndiyakuvuyela ukuqeqesha iAl Ahly ngoba liqela elikhulu futhi elikhethekileyo,” utshilo uJingles.