‘Ndisenalo ithemba ukuba kungenziwa iinguqu’

Nakubeni i-Orlando Pirates ibeneyona isizini embi kwimbali yayo kwiPSL – kodwa omnye wabalandeli bayo uthi isekhona intlantsi yethemba ukuba ilungisa ukuhlala.

Pedro Mapelo: Siyabulisa Mhlekazi, unjani empilweni?

Umlandeli: Ndiphilile Nkosi yam, unjani wena?

PM: Kuhle nakum, enkosi. Khawuzichaze nje ngokufutshane?

Umlandeli: Igama lam ndinguMhlangabezi Nomanqina. Ndihlala eProtea Glen, eSoweto – kodwa ngokokuzalwa ndingowangapha kuQumbu.

PM: Kwathini ukuze ulandele iPirates?

Mhlangabezi Nomanqina: Heyi, kwenzeka enye nje into ekukhuleni kwam. Umama wam wandithengela isikipa sePirates ndisemncinci. Yathi xa iphumelela indebe yeCaf Champions League ngo’1995 ndabona ukuba mandibambelele apha kuyo ngoba ibiyeyona ndiyaziyo. Ekuqabukeni kwam ndabona ukuba andinobasayinikela umva.

PM: Ngubani umdlali omthandayo kwiBucs, kuba kutheni?

MN: Oyena mdlali endandikholwa nguye nguLebohang Mokoena. ULebo yayingumdlali owayethathelwa phantsi ngethuba edlalela iPirates – kodwa ndandithanda into enye ngaye: wayedlala ngentliziyo yakhe yonke futhi ezimisela ngamaxesha onke.

PM: Sesiphi esona siganeko ongasoze usilibale ngeBhakaniya?

MN: Enyanisweni eyona nto eyandikhathazayo kukubethwa kwePirates kumdlalo wamagqibela kankqoyi weChamps League ngo’2013. Kula sizini saphoswa ziindebe ezintathu phantsi kukaRoger de Sa. Ndisazibuza nanamhlanje ukuba inokuba kwakusenzeka ntoni? Ukubhubha kukaSenzo Meyiwa ngo’2014 kwenza izinto zambi ngakumbi kwiqela lethu.

PM: Unqwenela kwenzeke ntoni kwiqela lakho kwisizini ezayo?

MN: Ndingavuya ukuba kungafumaneka umdlali wasesiswini njengokuba kuhambe * -Oupa Manyisa kuphinde kuqiniswe phaya emva. Eyona ndawo sibabi kuyo kusemva kwaye ukuhamba kuka-Edwin Gyimah kwashiya isikroba. Nangona kunjalo ndisenalo ithemba lokuba asinakuthotyiselwa noko ukuba kwenziwa iinguqu ezifanelekileyo.

PM: Enkosi Bhakaniya.