Ndisenawo umnqweno wokudlala phesheya

Umdlali ophambili odlalela iqela lesizwe, iBanyana Banyana, udibanise ikhulu lemidlalo kumdlalo obuphakathi koMzantsi Afrika ne-United States of America. Lo mdlali ngu-Amanda Dlamini, kwincoko ayenze neSafa Media uthethe ngamahla ndenyuka adibene nawo ebholeni.

SAFA: Wuntshu ngokufinca ikhulu lemidlalo kwiqela lesizwe, uziva njani?

Amanda Dlamini: Ndiyabulela, Kukufezekiswa kwephupha lam. Ndiseyintombazana encinci, yayiliphupha nje into yokuya eMelika. Zange ndacinga ukuba ndakudibanisa ikhulu lam lemidlalo apha. Ndizothulela mnqwazi ngokunyamezela nokuphikelela kwikhono lam lebhola ekhatywayo.

Kula mdlalo weMelika, ucinga ukuba nidlale njani?

Lona iqela lizamile kakhulu phantsi kwezo meko. Besiphantsi koxinizelelo, ungalibali besidlala neentshatsheli zehlabathi. Kusekuninzi ekufuneka sikwenze njengokuba sisondela kwimidlalo ye-Olimpiki.

Uhambe indlela ende, waqala phi?

Ndiqale ngo-2006 eQwaqwa.

Ndadibana nomqeqeshi weBanyana Banyana ngoko, * -Augastin Makalakalane, owayekhangela abadlali abanesakhono sokudlala ibhola ekhatywayo, wandifumana ngolo hlobo ke. Ikhona into awayibonayo kum. Kunyaka olandelayo wandibizela kwiqela lesizwe, kodwa zange ndikwazi ukuhamba neqela lesizwe ngoba ndandingenayo incwadi yokundwendwela. Ngo’2008 ukuya ku’2009 zange ndidlale ngoba kwakukho abadlali abangcono kunam. Ndathandaza futhi ndazixelela ukuba ndizakubayinto ebholeni.

Amashumi amabini anesine amagowuli kwikhulu lemidlalo, uziva njani?

Ayilonani elibi elo. Ndaqala ukudlala njengefolosi, ndiwafaka amagowuli futhi ndandinethemba lokudibanisa amashumi amahlanu, kodwa ke ngokuya ndikhula abanye abaqeqeshi bandisebenzise kwezinye iindawo. Ndingoyena mdlali odlale iindawo eziliqela.

Usawukhumbula umdlalo wakho wokuqala ungukaputeni?

Sasidlala neZimbabwe, ndandixakanisekile engqondweni futhi ndonwabile kwangaxeshanye. Ndafundiswa ngendlela izinto ezenziwa ngayo la mini. Kwakunzima, ndandingakwazi nokuthetha neentatheli, kodwa ndafundiswa ngezo zinto.

Uqhube kakuhle njengenkokeli yeqela, wabeka phantsi kodwa, kwenzeka ntoni?

Ndacinga nzulu phambi kokuthatha eso sigqibo. Ndabona ngathi kukhona ukusilela kwezinye izinto zam. Ndathi mandiyeke ukukhokela iqela lesizwe ukuze ndizokwazi ukujongana neencwadi zam. Zazininzi kakhulu izinto ezazisenzeka ngoko, ukushenxa kubukaputeni ukuze ndikwazi ukuqwalasela umsebenzi wesikolo, ndaphumelela emagqabini nangoku ezifundweni. Ndakubona ngoko ukusebenza kwemfundo nebhola. Ndaqala ngoko ukukhuthaza abanye abadlali ukuba banganikezeli.

Oyena mdlalo owabalasela kuwo?

Ndingumntu ozibeka phantsi koxinizelelo, akululanga kum ukuthi ngowuphi owona mdlalo kule ilikhulu. Ndiphumelele iwonga lomdlali obalaseleyo, iDiski Queen, kanye qha, umdlalo wawuseDobsonville Stadium. Komnye umdlalo othi qatha kum ngulowo sasiwudlala ne-Algeria kwi-African Women’s Championship endadlala kakuhle kakhulu kuyo ngo-2014.

Oyena mdlalo ongasoze uwulibale?

Ngulo ndidibanise kuwo imidlalo elikhulu e-USA. Kodwa lo nto ayigqumi yonke imidlalo endiyidlalileyo. Nditsho kuba kwenzeke into enqabileyo kum. Ngoku ndisondele kubadlali abafana noJanine [131], Mpumi [125], Noko [124] noPortia [124], yintsikelelo leyo kum. Ndithi yiMelika ngoba zange iBanyana Banyana yadlala nayo ngaphambili. Yiyo lo nto ndingasoze ndiyilibale.

Ungathini kubadlali abajonga kuwe njengesibonelo kwiBanyana Banyana?

Ndiyakholwa ukuba abadlali beqela lesizwe bakhulile ngoku futhi bayazibona izinto ezisibethayo kwibhola yamantombazana. Umyalezo wam kwabasakhasayo kukuthi mabaqinise esikolweni. Kufuneka sithethe phandle thina sesingaphakathi ngeengxaki esinazo, singagxili kuphela kwezimnandi izinto. Sikwezi ndawo thina ngenxa yemidlalo, onesakhono, makangasifihli ngoba ibhola ingambeka kwiindawo eziphezulu.

Ukuya kwi-Olimpiki yenye yezinto ezibalulekileyo?

Ewe, yinto enkulu kakhulu kuthi ukufumana ithuba lokudlala kuzo. Ndiyavuya kakhulu, kufana nangokuya sasisiya eLondon ngo-2012. Ndiqinisekile kodwa le iseBrazil izakuba nomahluko.

Uthini kubalandeli bakho? Ndivuya kakhulu. Inkxaso abandinike yona ndiyayibulela.

Ukufikelela kwikhulu lemidlalo kuthetha into enkulu kum. Ndinebhongo ngokunika ithuba uMzantsi Afrika into onokuthi uzingce ngayo ngomsebenzi wamanina.

Ingaba * -Amanda Dlamini usafuna ukudlala phesheya?

Ewe, ndisafuna kakhulu. akukho namnye umdlali ongafuni ukudlala phesheya kolwandle. Ngoku ingqondo yam ikule nto ndiyenzayo, kodwa ndakuyibona mhla yenzeka lo nto.