“Ndiyakonwabela ukudlala namaqela afana nePirates” – utsho uMngqithi

UManqoba Mnqgithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mgqithi, uthi iuyonwabela kakhulu midlalo emikhulu ngoba uyayicaphukela into yokuya emdlalweni abe iziphumo ezazi. Amasandawana amkela i-Orlando Pirates emdlalweni weMTN8 omkhulu ePeter Mokaba Stadium emalanga ngentsimbi yesithathu ngomso (Mgqibelo). La maqela amakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika adibana emdlalweni wesibini weMTN8 emva kwalowo uphele ebambene ngeqanda eSoweto kwiiveki ezigqithileyo. Omabini amaqela aya emdlalweni enyanzelekile ukuba aphumelele. Lo nto iyodwa nje ifunqula okulindelweyo ngabalandeli bebhola. Ezimnyama zazinawo amathuba okufaka amagowuli ekhayeni lazo – kodwa ngelishwa lazo, zange zikwazi ukubhalisa ebhodini.

UMgqithi namakhwenkwe wakhe balola izikrweqe abaza kuwisa ngazo iPirates ukuze iSundowns ifumane ithuba lokukhusela indebe yeMTN8 eyiphumelele okokuqala kwizini egqithileyo. “Ndiyithanda kakhulu imidlalo emikhulu, andifuni ukuxoka. Le nto yokuya emdlalweni sowusazi into eza kwenzeka andiyithandi mna. Iziphumo zemidlalo emikhulu ziyothusa ngamanye amaxesha, utshilo uMngqithi ethetha neentatheli izolo eGoli. “Ndifuna umdlalo apho kubonakalayo ukuba iqela ngalinye lilwela ukuphumelela umdlalo. Yafumana amathuba iPirates emdlalweni ogqithileyo. Siza kuzama ukuphucula umdlalo wethu kweli ityeli.

“Silungiselela umdlalo esifuna ukuwuphumelela. Xa sisiya emdlalweni omkhulu, into emnandi kukuba wonke umntu uyakhuthazeka – ukusukela kubaqeqeshi ukuya ebadlalini. Imidlalo enjengalo, nathi singabaqeqeshi isinika ithuba lokubona eyona nto ebangela amanye amaqela abonwe njengamakhulu kunamanye. Idlala ibhola entle iPirates – kodwa nathi sidlala kakuhle. Asiyifuni imidlalo ekudlala iqela elinye ibhola ecacile libe elinye lihleli emva lifuna nje ukugalela lihambe,” utshilo uMngqithi. Amakhwenkwe kaJose Riveiro aya ePolokwane emdlalweni wangomso imisila iphezulu emva kokubetha iGolden Arrows ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi evekini. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela njengalowo obuse-Orlando Stadium kwiiveki ezidlulileyo.