‘Ndiyalibulela ithuba endilifumeneyo’

USisipho Ndlabhu, 20, ebephakathi kwabadlali abasakhulayo abadlale okokuqala kwitumente yentenetya ekuthiwa yiPro Kennex International Premier

Itumente yentenetya eqingqithe iintsuku ezintlanu zonke isongiwe eMonti kwiCawe egqithileyo.

Abadlali abasakhasayo bafumene ithuba elinqabileyo lokugudlana noompetha kwitumente ekuthiwa yiPro Kennex International Premier Challenge edlalelwe eMonti okokuqala kwimbali yomdlalo wentenetya.

Itumente ibiququzelelwe yiKM Sports ibambisene nesebe leZemidlalo, iNkcubeko, uBugcisa noLonwabo.

Nangona iBuffalo City izama ukuzibalula njengenye yeendawo ekusingathwa kuzo iitumente nemisitho emikhulu – kodwa injongo ephambili ibikukunika abadlali baseMpuma Koloni ithuba lokuzivavanya koompondozihlanjiwe nokukhulisa umdlalo wentenetya.

Omnye wabadlali abathe bafumana ithuba elinqabileyo nguSisipho Ndlabhu ohlala eSunset, eMonti kodwa onkaba yakhe ekuQumbu. UNdlabhu, 20, waqala ukudlala intenetya esemncinane phakathi kuka2004 no2005.

Ukuvuyele kakhulu ukufumana ithuba lokudlala kwitumente enkulu eMzantsi Afrika ngoba unomnqweno wokuzibona ekhuphisana kwinqanaba eliphezulu.

Nangona ekulangazelela ukukhula kwintenetya afane nabadlali abaphezulu kodwa uSisipho uthi ufuna ukuqala ngemfundo.

“Ndifuna ukudlala kwinqanaba eliphezulu kwintenetya.

Okwangoku ndibanjwe ziincwadi kodwa ndifuna ukudlala kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uNdlabhu xeshikweni ethetha neli phephandaba eMonti phambi kokuqala kweyona tumente emvulele amathuba.

I’solezwe lesiXhosa limbuze ngokulungela kwakhe ukuthatha inxaxheba kwiPremier Challenge – eyeyona tumente yesibini ngobukhulu kwintenetya eMzantsi Afrika, uSisipho uthethe wenjenje: “Kufuneka uzilungiselele futhi ube kwisimo sengqondo esihle.

Nokuba usuka endaweni encinci njengam kodwa kubalulekile ukuzimiselela xa udlala nabadlali abaphezulu.

Kufuneka uthi ndiyayazi indawo endikuyo futhi ndiyisebenzele.”

USisipho uchulumancile emva kokuqubisana nabadlali abafana noChanel Simmonds oyintshatsheli emva kokuba oyise uDelien Kleinhans emdlalweni wokugqibela eSelborne Park Tennis Club kwiveki ephelileyo.

Emva komdlalo kusuku lwesibini letumente, uSimmonds umncomile uSisipho kodwa wathi umbonile ukuba ebedlala esoyika.

Zizinto eziza kumkhuthaza ezo uSisipho othe uziva ewongekile emva kwetumente.

“Kumnandi kakhulu kum. Ndiyalibulela ithuba endilifumeneyo lokudlala nabadlali abaziwayo.

Ndifunde ukuba nomonde nokubaluleka kokuzilungiselela ngokwasengqondweni phambi kokudlala,” uvale ngalo mazwi uSisipho.