“Ndiyathemba izinto zizakutshintsha kwisizini ezayo” – Sandla

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli omkhulu webhola ekhatywayo weKaizer Chiefs. USandla Sopete, owahluke ngemibala egqamileyo negama lakhe elibhalwe kakhulu kwikhephekhephe alithwala entloko, ngomnye wabalandeli bebhola abalijikeleza lonke eli lizwe loMzantsi Afrika ngenxa yothando lebhola. Usixelela ngembali yakhe njengomlandeli webhola.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba, ngokufutshane, ngubani uSandla Sopete, ehlalaphi?

Sandla Sopete: USandla Sopete lityendyana lomfana ozithandela ibhola ekhatywayo. Ndizalelwe kuCofimvaba, kodwa ndakhulela eMonti.

PD: Ubengumlandeli weKaizer Chiefs nini, ibhola yona uqale njani ukuyilandela?

SS: Ndayithanda iChiefs kwakudala. Mna ndibenenyhweba yokukhulela kwikhaya elithanda ibhola kakhulu, umama wam ondizalayo, uNokubonga Sopete, nguye owandenza ndayithanda ibhola ekhatywayo.

PD: Kunjani ukuba ngumlandeli weKaizer Chiefs?

SS:Ukubangumlandeli weKaizer Chiefs kumnandi kakhulu, kodwa akhona lo maxesha uye ukhathazeke.

PD: Kubaluleke ngantoni ukuba yinxalenye yesebe leqela olithandayo xa ungumlandeli webhola?

SS: Kubalulekile kakhulu ukuba yinxalenye yesebe, kuba kuyafundiswana ngokuziphatha emabaleni, ngezinto zasekuhlaleni, nangebhola ngokubanzi. NdikwiKaizer Chiefs East London Branch ke mna.

PD: Unqwenela kwenzeke ntoni kwiChiefs kule minyaka izayo?

SS: Ndinqwenela iChiefs izise imidlalo emininzi kweli phondo lethu (eMpuma Koloni), ixhase namasebe ngoba ngawona abiza abalandeni.

PD: Oyena mdlali umthandayo ngubani, kutheni?

SS:Oyena mdlali ndimthadayo ngu-Itumeleng Khune.

Ndithanda indlela abamba ngayo ezipalini nendlela akwazi ngayo uthetha nabadlali bakhe xa esebaleni.

PD: Khawusiphe iqela lakho njengomlandeli omkhulu.

SS: Iqela lam nail: Itumeleng Khune, Kgotso Moleko, Morgan Gould, Eric Mathoho, Tsepo Masilela, Willard Katsande, William Twala, Lucky Baloyi, Siphiwe Tshabalala , Bernard Parker noCamaldine Abraw.

PD: Lithini uluvo lwakho njengokuba iChiefs iqhube kakubana kule sizini?

SS: Umqeqeshi wethu usemtsha, iqela aliqhubanga kakuhle kuba iChiefs inkulu, kwaye bekufuneka afunde nendlela izinto ezenziwa ngayo.

Bakhona bona abadlali, kodwa badala abanye, kodwa ndinethemba kakhulu lokuguquka kwezinto kwisizini ezayo.