Ndiyayikhumbula iqakamba yamazwe ngamazwe – Pieterson

UKevin Pieterson, owayekade engumdlali oqhokrayo kwiNgilane, uthi ucinga ngokudlalela ilizwe awazalelwa kulo uMzantsi Afrika emva kokuba wakhutshwa kwiqela laseNgilane leqakamba kwiminyaka emibini edlulileyo.

Lo mdlali owazalelwa ePietermaritzburg, wahamba kweli lizwe kwiminyaka elishumi edlulileyo, kwaye anganalo ilungelo lokudlalela iProteas ngonyaka ka-2018. UPieterson akakadlali kwiqakamba yamazwe ngamazwe, oko wathi wakhutshwa kubadlali beNgilane emva kokuba baqhuba kakubi kutyelelo lwase-Australia kwisizini ka-2013/2014.

UPieterson ngoku ixesha elininzi ulichitha kukhuphiswano lweT20, umane edlala kwimidlalo yamaqela amancinci kwihlabathi jikelele.

“Ewe yinto endiyicingayo entloko,” utshilo uPieterson ngenjongo zakhe zokudlalela uMzantsi Afrika.

“Ukuba iyenzeka izakwenzeka, kodwa nokuba ayilungi akukho nto. Ngokucacileyo, ndinawo amava okudlala iqakamba yamazwe ngamazwe kwaye ndiyidlale ixesha elide. “Ndiyakukhumbula ukudlala kwimidlalo yeqakamba yamazwe ngamazwe, kodwa ke ayixhomekekanga kum. Kusafuneka ndilinde unyaka wonke ukuze ndifumane ithuba lokudlalela uMzantsi Afrika. Loo nto ithetha ukuba kufuneka silinde sibone, lisavulekile elo cango,” utshilo uPieterson.

UPieterson waye wahamba kweli loMzantsi Afrika, kwaye wanalo ilungelo lokudlalela iNgilane ngenxa kamama wakhe oyinzalelwane yela lizwe, ukhe wawuvakalisa umnqweno wakhe wokuphinda adlale kwiNgilane.

Amathuba okuba angabuyela kwiNgilane uPieterson, atshabalele emva kokuba waye wapapasha incwadi ebalisa ngobomi bakhe kwiqakamba ngonyaka ka2014, nalapho wayegxeka abanye awayedlala nabo kwiNgilane kunye nabaphathi bebhodi elawula iqakamba kwela lizwe.