ICity yothuswa kukuhamba kuka-Eric Tinkler esikhundleni sakhe seminyaka emithathu, emva koko othe wabhengezwa njengomqeqeshi omtsha weSuperSport United. UTinkler ushiye
UMcCarthy uzajongana nobunzima njengokuba eqala ukuba ngumqeqeshi kwiqela elidlala kwiPremiership. ICity ijonge ukuphumelela indebe yePSL kwaye iyinxalenye yamaqela azakuthatha inxaxheba kwiCAF Confederations Cup. UMcCarthy wayesakuba lisekela mqeqeshi kwiSint Truiden yaseBelgium phambi kokuba kunqanyulwa kwekontraka yakhe. Udlalile kumaqela aliqela aseYurophu amaqela afana neFC Porto, Celta Vigo, Blackburn Rovers, West Ham United wabeka iintambo ebholeni ekwi-Orlando Pirates.
Ethetha neenthatheli uBenni uthe: “Ndiyazi wonke umntu uzakuthetha ngamava kodwa abaqeqeshi abaphambili emhlabeni baphumelele ngaphandle kwayo.
Uqhubeke wathi abadlali bangacingi ukuba eli qela lelaseKapa, ubuhlanga bugqube. Ukuziphatha kakuhle kufanele kube khona. Uye wayiveza into yokuba akasoze atshintshe okuninzi kweli qela.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo