Kukho iintshatsheli ezintsha ebholeni yase-Afrika, iSenegal! Oku kwenzeke emva kokuba iSenegal ibethe iEgypt ngo’4-2 kumapenela emdlalweni wokugqibela we-Africa Cup of Nations yalo nyaka ebibanjelwe eCameroon. Ukudibana kweSenegal nelizwe likaFaro emdlalweni we-Afcon kutsale umdla wabantu abaninzi kukodwa nje. Ukudiba kuka Sadio Mane noMohammed Sala kuye kwenza umdlalo wanochatha ngoba ngabadlali abaphambili kwihlabathi abenza ezibukwayo kwiqela elinye, iLiverpool FC yaseNgilane. Nangona umzamo weSenegal izihlandlo ezibini ungaphumelelanga kwiminyaka edlulileyo – kodwa ibihlonitshwa kakhulu. Kodwa yona iEgypt yeyona ibijongwe kakhulu kuba ililizwe elikhe layiphumelela indebe ngaphambili kaninji.
Ukuphumelela kweSenegal akothusanga konke konke ngoba iyidlale kakuhle yonke imidlalo yayo ye-Afcon. Noxa kungakhange kubekho eliphumeleleyo emdlalweni nakwixesha elongezelelweyo – kodwa umqeqeshi weSenegal, uAliou Cisse, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ekupheleni kwetumente. UCisse wayengomnye wabadlali abaphambili eSenegal ngeentsuku zakhe zobutsha. Emva kokuyeka ukudlala, waye wangumqeqeshi weSenegal futhi enethuba elide izama ukuphumelela iAfcon. “Ndiyintshatsheli y’Afrika. Ize nzima futhi ithathe ixesha elide – kodwa asinikezeli,” utshilo uCisse emva kokuba iSenegal iphumelele iAfcon okokuqala embalini yebhola ekhatywayo.
“Le ndebe, ndiyinikela ebantwini baseSenegal. Baneminyaka emininzi beyifuna bengade bayifumane. Namhlanje banenkwenkwezi ezikipheni zabo eluphawu lempumelelo. Ukuphumelela indebe eCameroon yinto yinto ekhethekileyo. Kuthi chatha xa nibethe elona lizwe liyiphumelele kaninzi iAfcon. Benze umsebenzi omhle kakhulu abadlali emva kweminyaka esixhenxe sizama ukuyiphumelela,” ulebele ngaloo mazwi uCisse emva komdlalo ngeCawa edlulileyo. Umqeqeshi weYiphutha, uCarlos Queiros, uvakalise ukuziqhenya kwakhe ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe eCameroon nangona bengakwazanga ukubuya nendebe ebijongwe ngamehlo abomvu.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!