“Ndiza kumoyisa lula uLadarius Miller”, utsho uNomeva!

UXolisani “Nomeva” Ndongeni yimbethimanqindi yakwaBhaca. Umfanekiso: Facebook

Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni, uXolisani “Nomeva” Ndongeni, ithi ikulungele ukudibana noLadarius Miller kwaye iza kumbetha ibuye nempumelelo. UNdongeni, 32, ukuthethe oku ngethuba ethetha namajelo eendaba kutshanje esitalini sakhe eGoli – apho aphekwa kwakhona nguMnu. Mzamo “Chief” Njekanye. Le ndedeba yakwaBhaca, kodwa ezinze kwiphondo laseGauteng, ilungiselela ukudiba noMiller waseMelika emdlalweni ongenantshinga oza kube ubanjelwe eNassau, eBahamas, ngomhla wesithathu kuCanzibe. “Ndikulungele ukudibana noMiller futhi ndiza kumoyisa. Ayikho tu into endiyoyikayo kuye,” utshilo uNdongeni ezilolonga eGoli.

Njengezinye iimbethimanqindi, uNdongeni walifulathela iphondo lakhe waya eGauteng – apho kukho amathuba abhetele. Ngaphandle kokuba yimbethimanqindi, uNdongeni ukhe wangumanejala kwindawo yokuzilolonga ekuthiwa yiFight Club Fitness Gyms phambi kokuzivulela elakhe ishishini. Noxa uNomeva esiya emlweni ongenantshinga – kodwa kulindeleke avuzwe ngemali entle kakhulu. “Ndiza kubhatalwa imali eyi$60 000 (R1.3-million) ngokulwa imijikelo elishumi. Bendingeke ndiwamkele umlo ukuba imali ibingekho ntle,” utshilo uNomeva.

“Yonke into seyityikityiwe ngoku, umlo uyeza. Ndiyamazi uLabadarius, sasikunye esitalini sikaFloyd Mayweather Junior ngokuya bendikhe ndahlala eMelika ngonyaka ka-2017. Ndiza kumoyisa yena ngoba akanamandla kunam. Ndifuna ukubuyela kwindawo endandikuyo ngaphambili,” utshilo uNdongeni ngokukhulu ukuzithemba. Phantsi kwegama lakhe emanqindini, uNomeva ubethwe nguDevin Haney noPrince Dlomo emilweni engamashumi amathathu ananye. Kuloo milo, ulahle phantsi amadoda alishumi elinesibhozo. Naye kwelakhe icala uMiller ubethwe kabini emilweni engamashumi amabini anesithathu ayilwileyo.