‘Ndizele ukuphumelela iindebe kwiChiefs’

Omnye wabadlali beChiefs abatsha abafike benza umahluko omkhulu yifolosi esisiquququ, uSamir Nurkovic, osuka kwilizwe laseSerbia; UMFANEKISO: Phando Jikelo/African News Agency(ANA)

Nangona sekuphele iisizini ezine zonke kugquba indlala eNaturena, kodwa ikhona intlantsi yethemba kule isizini xa ubani ejonga indlela iKaizer Chiefs eqale ngayo isizini.

Emidlalweni emine eyidlalileyo iChiefs, iphumelele emithathu yaze yadlala ntanganye komnye.

Ihleli phezulu ngoku kwiPSL ngamanqaku alishumi.

Ukuqhuba kakuhle kwayo iChiefs kule sizini kunefuthe labadlali abathengwe phambi kokuqala kwesizini eqhubayo.

Omnye wabadlali beChiefs abatsha abafike benza umahluko omkhulu yifolosi esisiquququ, uSamir Nurkovic, osuka kwilizwe laseSerbia. Kwiveki ephelileyo, uNurkovic ubhalise igowuli lakhe lokuqala kwiPSL emdlalweni obuphakathi kweChiefs neSuperSport United ophele ingu’1-1.

Amakhosi abuye edloba okwamathole eKapa emva kokubetha iCape Town City ngo’2-1 emdlalweni obumhle ngoLwesibini ebusuku eNewlands Stadium.

Amagowuli weChiefs afakwe nguDaniel Cardoso noKearyn Baccus kwisigaba sesibini, kodwa oyena mdlali obe yingxaki kwiCity ibinguNurkovic okwazileyo nokudala amathuba.

UNurkovic ubancomile kakhulu oogxa bakhe emva kokubuya ngasemva emdlalweni abawuphumeleleyo.

“Umdlalo ubunzima kuthi ngoba besidlala umdlalo wesibini ezintsukwini ezine sisuka komnye.

Sidlale neqela elidlala umdlalo omhle. Liqale lafaka igowuli kwaye bekunzima kuthi ukulandela ngasemva.

Kodwa ekugqibeleni, izinto zisihambele kakuhle.

Ndiyalibulela iwonga endilifumeneyo,” utshilo uNurkovic olichule lokudlala ibhola ekhatywayo enyaweni nasentloko.

Khange awuvale umlomo ngenxa yendlela iqela lakhe elidlale ngayo, kodwa eyona nto ayibetheleleyo kukuba yena uze kwiChiefs kuba efuna ukuphumelela iindebe.

“Indlela endingawushwankathela ngayo umdlalo wethu kukuthi asinikezeli.

Yiyo lo nto sidlale ngokuzimisela okukhulu kwade kwasekugqibeleni.

Xa udlala ngokuzimisela, uyakwazi ukuzuza impumelelo ekugqibeleni. Into endiyizeleyo apha kukuphumelela iindebe.

Sisebenzela lo nto. Umqeqeshi wethu wenze umsebenzi oncomekayo kakhulu,” uvale ngaloo mazwi uNurkovic.

Komnye umdlalo, iHighlands Park iphumelele ngo’1-0 ibetha AmaZulu asakhangela impumelelo yawo yokuqala kule sizini.