‘Ndizibonakalisile ukuba ndiyinkwenkwe endala nam’

Imbethimanqindi yaseMthatha, uSimphiwe Khonco, ngethuba isilwa noToto Landero wasePhillipines kumlo obuseWalter Sisulu University kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Imbethimanqindi yaseMthatha, uSimphiwe Khonco, yindoda phakathi kwamanye amadoda ngoku kwaye ufuna ukudibana nezinye iintshatsheli zehlabathi.

Oku kuthethwe nguKhonco buqu kutshanje emva kokuba ebethe ngamanqaku uToto Landero wasePhillipines kumlo ebekhusela kuwo itayitile yakhe ye-IBO World Mini Flyweight ityeli lesithathu kwiholo laseWalter Sisulu University ebeligcwele qhu, eMthatha.

Le mbethimanqindi ifumene ithuba elinqabileyo lokulwela phambi kwabalandeli bayo eMthatha abagwije ukusukela kumjikelo wokuqala ukuyoqhina kowokugqibela.

Yintswahla yabo kanye enike uKhonco amandla okuphumelela – kodwa nzima emva kokuswantsuliswa litwina lasePhillipine imijikelo elishumi elinambini yonke.

Uvumile ke kambe emva komlo okokuba indlela alwe ngayo uLandero imothusile kwaye naye uncedwe kukuba eyimbethi eseyinamava kakhulu.

“Ndiyayibulela inkxaso endiyifumeneyo ebantwini balapha. Ngamava into endisebenzeleyo; lo mfana ebeze ngamandla. Bendingalindelanga ukuba angalwa ngohlobo alwe ngalo; ndiphantse ndamdelela – kodwa ndizibonakalisile ukuba ndiyinkwenkwe endala nam,” utshilo uKhonco emva kokuzuza impumelelo kwitumente ebi ququzelelwe yiLast Born Promotions kwinyanga ekubhiyozelwa ngayo iminyaka elikhulu yokuzalwa kuGqr Nelson Rolihlahla Mandela kwiveki ephelileyo.

UKhonco yimbethimanqindi enobuchule bokusebenzisa amanqindi – kodwa ukungalwi kwakhe ixesha elide kuphantse kwamfaka engxakini.

“Ndingatsho ukuba lo ibingomnye wemilo yam eyakhe yanzima. Ngoku ndithandazela ukudibana nezinye iintshatsheli. Ndiza kulindela ukuva kwiGolden Glove indlela eya phambili,” utshilo uKhonco.

Ukuphumelela kwakhe uKhonco kulibeka kwishumi elinethoba inani lemilo ayiphumeleleyo kwaye ngoku uphakathi kweembethimanqindi eziphezulu eMzantsi Afrika. Akukacaci nokuba le mbethimanqindi ingalifumana nini elinye ithuba lokulwa.

Komnye umlo obujongwe kakhulu ngabantu, uMakazole Tete ubethwe ngumfana waseNamibia ogama linguJonas Matheus othathe itayitile ye-IBO International ebi ngenamntu ngamanqaku emva kwemijikelo elishumi elinesibini.