Ndiziva ndisekhaya kwiChippa – Masuku

Usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi noMenzi Masuku eNelson Mandela Stadium namhlanje.

Umdlali siswini omtsha weChippa United, uMenzi Masuku, uthi uyakuvuyela ukuba yinxalenye yeli qela.

Emva kokuba yinxalenye yeSA Under-23 ebithatha inxaxheba kwi-Olimpiki eRio de Janeiro, eBrazil, lo mdlali wamkelwe ngokusesikweni ngusihlalo weChippa United – uSiviwe “Chippa”Mpengesi. Bekuke kwabonakala ngathi uMasuku akakufuni ukuza kwiChippa – kodwa kuyabonakala ukuba iye yalungiswa yi-Orlando Pirates.

Ngoku ngumdlali weli qela lizinze eMpuma Koloni ngokupheleleyo kwaye kulindeleke adlale indima ebalulekileyo kule sizini yePremier Soccer League ka’2016/17. Kanye phambi komdlalo wokuqala weChippa United neFree State Stars eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya ngoLwesibini – uMasuku wamkelwe ngokusesikweni ngusihlalo weeChilli-boys.

“Kuluvuyo kakhulu kum ukuba lapha. Ndamkelwe ngezandla ezishushu ngusihlalo nangabantu bonke. Ndiziva ndisekhaya,” utshilo uMasuku.

Le ndedeba, yaziwa ngegama elithi “Slyzer Tsosti”, khange ifumane kakuhle ithuba lokudlala kwiPirates ngenxa yokhuphiswano – kodwa ngoku inethuba lokuthatha ibhola yayo iyibeke kwelinye inqanaba. “Ndizimisele ukwenza konke okusemandleni. Kubemnandi kum xa ndingena eNelson Mandela Bay Stadium. Ndizimisele ukusebenzela iChippa United ngokuzimisela okukhulu. Andizifundi kakhulu izinto ezibhaliweyo ngam. Kuyacaca ke ukuba kuninzi okuthethiweyo ngam. Mandiyibeke icace ngoku le nto: Zininzi iindawo ebendinokuya kuzo – kodwa iChippa ibiyeyona iphambili. Bendifuna ukuza kwiChippa ngenxa yesitayile somdlalo wayo,” utshilo uMasuku kwikhasi lomnatha.

Lo mdlali uvumile ukuba bekukhona ukuxinga kwezinto – kodwa uthi ixesha lokuthetha ngezozinto belingekafiki. “Ewe, bezikhona izinto ezifuna ukusonjululwa. Ndiyavuya ngoku ngoba konke oko kudlule,” uvale ngalo mazwi uMasuku.

Iqela ebelidlale, i-Orlando Pirates, layibeka yacaca gca ukuba uMenzi Masuku ngumdlali weChippa emva kokuba [lona] lathatha uNkosinathi Mthiyane kwiiChilli-boys.

UMasuku unethuba lokudlala elibhetele kwiChippa ngenxa yendlela adlala ngalo ihambelana ncakasa nale uDan Malesela ayisebenzisayo kwiChippa. Njengokuba kukho imbambano phakathi kukaJoseph Molangoane neChippa – uSlyzer Tsotsi angasetyenziswa endaweni yakhe kakhulu kule sizini intsha.