Ndudula: Kufuneka sikhusele indebe yePSL

Andile Ndudula

Kule veki I’solezwe lidlene indlebe nosihlalo weMamelodi Sundowns Supporters Club, * -Andile Ndudula.

Le ndedeba ezingomba isifuba ngeqela layo ibalisele eli phephandaba ngohambo lwakhe njengomlandeli weeBrazilians.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba mhlekazi.

Andile Ndudula: Ndiyabulela kuwe nam.

PM: Sibalisele nje ngokufutshane: watsalwa yintoni kwiDowns?

AN: Mna ndaqala ukuzithandela iSundowns ngela minyaka yePiano neShoe-shine. Indlela eyayiyidlala ngayo ibhola yandenza ndayithanda kakhulu. Kodwa enye into endiyithandayo ngeDowns kukuba abantu bayo bachubekile.

PM: Kutheni abalandeli kufuneka babeyinxalenye yeMdantsane Mamelodi Sundowns Supporters Branch?

AN: Xa sindawonye kubalula ukunqwanqwadana kwizinto ezithile. Sikwafundisana ngezinto zeqela lethu. Kuninzi esikwenzayo, asiphelelanga ekulandeleni ibhola nje kuphela.

PM: Uziva njani njengokuba niziintshatsheli ze-Afrika?

AN: Xa uthetha nge-Afrika, ndivele ndivuye kakhulu emva kwale mpumelelo. Ngoku iDowns ikwelinye inqanaba. KwiClub World Cup sizohamba nzima ngoba iyadlalwa ibhola phaya.

PM: Ulindele ntoni kwiMamelodi Sundowns kule sizini?

AN: Inye into endiyifunayo: kufuneka ikhusele indebe yePSL. Kufuneka sidlale kwiCaf Champions League rhoqo ngoku.