NebankCup: iFree Agents FC inethemba lokuwisa iChiefs!

Asifikanga sigalelekile isiqendu esitsha seNedbank Cup. Njengesiqhelo, kulindeleke ukuba kubekho izinto ezothusayo kuyo. Umdlalo oza kugabula izigcawu uphakathi kwePretoria Callies neMarumo Gallants ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya langoLwesihlanu eLucas Moripe Stadiu.

Kodwa oyena mdlalo oza kube ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo abaninzi ngophakathi kweKaizer Chiefs neFree Agents FC. Nakule isizini, iChiefs ithelekiswe neqela elidlala kumgangatho osezantsi.

Abalandeli bayo banexhala ngoba isoloko ixhatshazwa ngamaqela amancinci kwiNedbank Cup. Kwisizini egqithileyo, Amakhosi aguqiswa phantsi yiMilford FC. Okunika umdla kukuba okwenziwe ngamaqela amancinci kuyinika Amandla iFree Agents FC ezimisele ukwenza imbali ngokuwisa elona qela elinabalandeli abaninzi ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Umdlali wasesiswini, uThulani Dhladhla, uxelele iintatheli ukuba baya kuvuyela kakhulu ukudibana neChiefs emdlalweni weNedbank Cup. “Mna noogxa bam sikuvuyela kakhulu ukudlala neChiefs. Kaloku kuliphupha lethu sonke ukudlala neChiefs, iPirates okanye iMamelodi Sundowns,” utshilo uDhladhla encokola neentatheli ekuqaleni kweveki.

“Umoya uphezulu enkampini apho abadlali bazilungiselela khona phambi komdlalo ozayo. Sinalo ithuba lokuwuphumelela umdlalo ngoba iChiefs inembali yokubethwa ngamaqela adlala kumgangatho osezantsi emidlalweni yeNedbank Cup,” utshilo uDhladhla echulumancile. Ingaba iChiefs iza kuliphepha ihlazo esoloko izombathisa lona kwiNedbank Cup?

Akukho bani owaziyo. Impendulo iya kuvela ebaleni xa kudibana la maqela mabini eFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngeCawe. Aphantsi koxinezelelo Amakhosi ngoba akaqhubi kakuhle emidlalweni yeBetway Premiership. Kanti sele ephoswe ziindebe ezimbini zonke kule sizini eqhubekayo. Le iza kudlalelwa indebe lithemba lokugqibela. Ukuba Amakhosi akaphumeleli, lo nto iya kuthetha ukuthi isizini iza kusongwa engenanto esandleni.