Nenzani: Sizimisele kwiinguqu kwiqakamba

Umongameli weCricket South Africa, uChris Nenzani, uqinisekise abantu belizwe okokuba umbutho wakhe usazimisele ekwenzeni iinguqu nasekunikweni kwabadlali amathuba abafaneleyo.

Iintetha zakhe zilandela ukuchwethelwa ecaleni kwabadlali abamnyama abafana noTemba Bavuma noAndile Phehlukwayo ngabachongi beqela lesizwe.

Phambi kokusongwa kuka2019, iCricket SA ityumbe uGraeme Smith njengomlawuli omtsha oyintloko kwaye ufike wenza iinguqu eziliqela ezilandelwe zizigxeko ezisuka kumaqela abamnyama.

“Kuhle ukubona abantu bekhusela iziphumo zeenkqubo zethu. Inkqubo yethu yenguqu icacile kwaye wonke umntu uyayiqonda. Sisazimisele kwiinguqu kwiqakamba. Ukungena kwabaphathi abatsha akuthethi kuthi baza kususa indlela ebesisebenza ngayo,” utshilo uNenzani.