Ngabaphathi abasishiye netyala!

Iqela laseMonti lombhoxo, iBorder Bulldogs, lithiwe mbende ziingxaki zemali.

Iingxaki zemali kwiBulldogs zikhokelele ekubeni bangabhatalwa iinyanga abadlali nabasebenzi beqela.

Kutshanje, iqumrhu elilawula umbhoxo eMzantsi Afrika, iSaru, libhengeze ukuba liza kuthumela umntu oza kuhlangula iqela aphinde ajongane nendlela elilawula ngayo imali.

Umlawuli weqela uDumisani Mani, uthi ngabaphathi bangaphambili abalifake kwiingxaki zemali.

“Ngala madoda wePTY asishiye kule ngxubakaxaka. Thina silithathe iqela likweleta uSars. Akaxoxi ke uSars; xa eyifuna imali yakhe uyayithatha. Kunyanzeleke ukuba sithathe imali ebekumele sibhatala ngayo abasebenzi nabadlali sayokubhatala uSars,” utshilo uMani.

Le ndedeba ithe nokuhliswa kwemali esuka kwiSaru eyinika amaqela sesinye sezizathu ezibangele le ngxaki.

“ISaru iwanika isiqingatha semali ebiqhele ukuwanika yona amaqela.

Nokungabi nazo iinkampani zabucala ezisixhasayo ngokwasezimalini kuyasisokolisa nako,” utshilo uMani.

Ephefumla ngomthunywa weSaru ebekulindeleke afike kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, uMani uthethe wenjenje:

“Kudala kumane kusithiwa uza kufika ngoMvulo, akakafiki nangoku.

Asizukulinda yena thina, siza kusebenza.”

UMani uthembise ngelithi azizukuphazamiseka iinkqubo zemidlalo.

“Ayizukuphazamiseka imidlalo ebicwangcisiwe. Ndifuna ukuthembisa onke amaqela akulo mmandla ukuba ziza kuqhuba iinkqubo zethu njengesiqhelo,” utshilo uMani.