Ngcongca: Kufuneka sivuke ngeChiefs emva kokubethwa yiTogo-Port

Anele Ngcongca of Mamelodi Sundowns during the 2017 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and Esperance at the Lucas Moripe Stadium in Pretoria on 02 June 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amasandawana
azimisele ukuvuka ngeKaizer Chiefs emva kokubethwa yiAS Togo-Port ngo’1-0
kumdlalo weCaf Champions League ekuqaleni kwale veki. IMamelodi Sundowns iza
kuxikixana neChiefs kumdlalo wokuqala weShell Helix Ultra Cup ozakube useFNB
Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje. IDowns iza kujonga
amalungiselelo wayo kumdlalo wanamhlanje phambi kokuqala kwesizini entsha kwinyanga
ezayo. Nakubeni iSundowns ingumgqutsu kuGroup C kwimidlalo yeChampions League  – kodwa, u-Anele Ngcongca, uthi lisekhona
ithemba lokuguqula izinto kwimidlalo elandelayo. Uyithetha lo nto noxa iDowns
isakhangela impumelelo yayo yokuqala kulo nyaka kwiChampions League.

“Icango
lisavuliwe kuGroup C; lo nto isinika ithemba. Ukuba singayibetha iTogo-Port
kumdlalo wesibini xa ize kuthi, singanamanqaku amahlanu. Asazi kodwa kokwenzeka
ntoni phakathi kweWydad neHoroya xa zidlala eMorocco kwiveki ezayo. Into
efunekayo kuthi kukuphumelela imidlalo – qha,” utshilo uNgcongca ethetha ne-Independent
Media kule veki.

Noxa izinto
zingayihambeli kakuhle iDowns kwiChampions League kulo nyaka – kodwa
kulindeleke ukuba umqeqeshi wayo, uPitso Mosimane, asebenzise abadlali bakhe abafikayo
abafana no-Andile Jali nabanye ukuze lithi libuyela kwiChampions League iqela
lakhe, libe livavanyiwe yiChiefs.

“Umdlalo
wanamhlanje ubalulekile kuthi. Kunyanzelekile sikhuphe umsindo ngokubetha
iKaizer Chiefs emva kokubethwa yiTogo-Port. Lithuba elihle labadlali abatsha
lokuzibinakalisa kubalandeli beDowns. Umdlalo uzakuba mnandi kumaqela omabini.
Thina kwiDowns sisoloko sidlalela ukuphumelela. Siza kuqinisekisa nangoku ukuba
umdlalo siyawuphumelela. La maqela azakube edlalela le ndebe okokuqala. Sifuna
ibe sithi abayiphakamisa okokuqala,” utshilo uNgcongca.

La maqela
aza kuphinda ankankathane kumdlalo wokuqala wePSL kwisizini entsha ngomhla
wesine kwinyanga ezayo eLoftus Versfeld Stadium. UNgcongca uthi lowo umdlalo
uzakube unomahluko kulo wanamhlanje. “Umdlalo wePSL unomahluko. Abadlali
banokuya emdlalweni wanamhlanje belumkele nokonzakala. Umdlalo wethu wesizini entsha
ubalulekile kwaye kuya nyanzeleka iLoftus Stadium ibe yindawo esiwaxhelela kuyo
amaqela,” uvale ngalo mazwi uNgcongca.