Ngeke adlale iiveki ezintandathu zonke uLebogang Manyama

UGiovanni Solinas noLeboganga Manyama ekubonakala ukuba uza kuhlala ngaphandle kokudlala isithuba esingaphaya kweeveki ezintandathu. Umfanekiso: BackpagePix

Umdlali weKaizer
Chiefs, uLebogang Manyama, ngeke ayidlale ibhola isithuba esingaphaya kweeveki
ezintandathu zonke. Oku kuza emva kokuba ethe wagaxeleka engozini yemoto emva
kwemini ngoLwesibini kwiphondo laseGauteng. UManyama wonzakele – kodwa imeko
yakhe ayixhomisi mehlo kakhulu emva kwengozi abandakanyeke kuyo ngemoto
eluhlobo leBMW emshiye onzakele engalweni. Izolo Amakhosi akhuphe ingxelo ebhaliweyo
engqininileyo ukuba nokwenene moto ukuba uManyama ufumene ingozi ngethuba
esendleleni eya eNaturena – apho iqela liziqeqesha khona. Emva kokuhlolwa
ngugqirha izolo, kuye kwabonakala ukuba lo mdlali ngeke akwazi ukudlala iiveki
ezintandathu.

Ukonzakala kwakhe
uManyama kuthetha ukuthi uza kuphoswa ngumdlalo weTelkom Knockout ojongwe
ngamehlo abomvu iChiefs edibana kuwo neBlack Leopards eFNB Stadium emalanga
ngeCawe. Ziindaba ezimbi kakhulu ezo kuGiovanni Solinas ozama ukwakha iqela
elinokuthi libuyisele isidima seChiefs eyintlekisa ngenxa yokunqatyelwa
ziindebe isithuba esingaphaya kweeminyaka emithathu. Kubonakala ngathi noKhama
Billiat wonzakele ngethuba edlalela iZimbabwe ekuqaleni kwale veki. UJoseph Molangoane
noLeonardo Castro ngabanye babadlali abahleli kwigumbi lezigulane.