‘Ngeke iChiefs ivume ukubethwa yiOrlando Pirates’

UBen Motshwari weOrlando Pirates noWillard Katsande weKaizer Chiefs kulindeleke balwele amaqela wabo xa edibana kwakhona eFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo UMFANEKISO: Samuel Shivambu/BackpagePix

Kuza kudibana ukufa neyeza, inye impelaveki yile! Njengesiqhelo, uMzantsi Afrika uza kohlukana kathathu xa kudibana iKaizer Chiefs neOrlando Pirates emdlalweni weAbsa Premiership ojongwe ngamehl’ abomvu eFNB Stadium emalanga ngo15:30 ngoMgqibelo.

Kubakho abalandeli beChiefs, abePirates nookhwel’ ecingweni abathi: sakutya efileyo.

Abalandeli bebhola sebeqalile ukwenza amaqashiso kwiindawo zentselo, ezintlanganisweni, koololiwe nakuzo zonke iindawo zabantu ngoba kudibana awona maqela makhulu eMzantsi Afrika.

Kuninzi okunika umdla ngomdlalo wangempelaveki. Iza kuba kokokuqala kudibana oongqondongqondo babaqeqeshi baseJamani kwidabi laseSoweto.

Umbuzo: ingaba kwakuphumelela eliphi iJamani? IChiefs ihleli phezulu kwiAbsa Premiership emva kokuqokelela amashumi amane anesihlanu amanqaku, kodwa iMamelodi Sundowns nePirates zifuthela emagxeni kuyo emva kokubethwa yiMaritzburg United ngo’2-1 kutshanje.

Basanxubile abalandeli beChiefs emva kokukhutshwa kwayo kwiNedbank Cup.

Kwelinye icala, iBucs iya emdlalweni izithembile ngoba iqhuba kakuhle emidlalweni yayo – ngakumbi phantsi kukaJosef Zinnbauer othe ulilambele idabi laseSoweto kuba uxinizelelo likwiChiefs nakubeni ibikhe yawaphumelela amabini kunyaka ophelileyo.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomhlalutyi webhola ekhatywayo, uThabo September, igqala elaziwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

USeptember uthi umdlalo uza kuphunyelelwa yiChiefs ngoba yeyona iphantsi koxinizelelo kakhulu.

“Unika umdla umdlalo ozayo ngoba iChiefs ibethiwe kwiNedbank Cup. Eyona ndebe esebenzela yona ngoku inye, yiAbsa Premiership. Umsantsa ophakathi kwayo neSundowns uya uncipha. Ndicinga ukuba iChiefs ngeke iyivumele iPirates ifake amagowuli ngoba yoyika ukuxinwa yiSundowns. Ngeke kufakwe amagowuli kuyo,” utshilo uSeptember.

Ezimnyama ziqokelele amashumi amathathu anesithoba amanqaku emidlalweni yayo.

Ukuba ingayibetha iChiefs, kungenzeka izivulele ithuba lokulwela indebe nayo noxa kusekho iDowns esenalo ithuba.

“Amandla wePirates kukuhlasela kodwa ijika ibe yingxaki lo nto ngoba iya yonke phambili. Yingozi leyo kwiqela elifana nePirates. Kungangcono xa kukho uBen. IChiefs inabo abadlali emva abanokumelanga noMhango, uMemela noPule.

Mna ndicinga ukuba iChiefs iza kubuyela kwindlela yayo yokuphumelela imidlalo. Iqela elifana neChiefs alikwazi ukubethwa izihlandlo eziliqela ngenxa yoxinizelelo lwabalandeli,” utshilo uSeptember.