Ngeke ndithi isizini yethu ibintle ngaphandle kweChampions League, utsho uRiveiro!

Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uthi ukufumana kweqela lakhe itikiti eliya kwiCAF Champions League yeyona ebaluleke kakhulu kule sizini. Ezimnyama ziya emdlalweni wokugqibela zinethemba lokuzuza amanqaku apheleleyo ukuze zifumane indawo yesibini kwiDStv Premiership.

Kodwa oko kwakuxhomekeka ukuba iqhube njani iStellenbosch ekwindawo yesibini. Emva kokuba iSundowns ithathe isizini ekuqaleni kwale nyanga, iPirates neStellenbosch zashiyeka zixhwithana ngendawo yesibini. Into ebangela indawo yesibini ibe nomtsalane kukuba iqela eliyifumeneyo liya kwiChampions League.

Nakubeni iBucs seyinendebe yeMTN8 futhi iseza kukhusela eyeNedbank kwiveki ezayo eMpumalanga – kodwa uRiveiro uthi ngeke athi iqela lakhe libe nesizini entle lingafumananga indawo yesibini kwiDStv Premiership. Oku ukuthethe emva kokuba iPirates ibethwe yiTS Galaxy ngempelaveki egqithileyo. Kuyiwa emdlalweni wokuvala isizini iPirates inamashumi amane anethoba amanqaku.

Ishiywa ngenqaku elinye yiStellenbosch ehleli kwindawo yesibini. Ukuba iPirates ingahlala kwindawo yesithathu, iza kuya kwiCAF Confederation Cup – kodwa kucacile ukuba ngeke imonelise lo nto uRiveiro. “Kunyanzelekile sisebenze ukuze iPirates ivale isizini isendaweni yesibini ngoba eyokuqala seyisiphosile.

“Ngaphandle kwendawo yesibini, ngeke ndithi isizini yethu ibintle,” utshilo uRiveiro ozenzele igama ngokuphumelela iindebe kuzo zombini iisizini zakhe eMzantsi Afrika. Uthe akukho sizathu anokusibeka xa iPirates ingayifumani indawo yesibini ngempelaveki.

“Asikwazi ukuthi ukudinwa sesona sizathu sokungaqhubi kakuhle kwethu. Sidlalela eyona njongo enkulu: ukuthatha iPirates siyise kwiCAF Champions League. Emdlalweni omkhulu olandelayo sidibana neSuperSport United. Kufuneka siwuphumelele umdlalo sithembe ukuba iStellenbosch ayizukuqhuba kakuhle kwelayo icala.

“Ukuba iphumelele, yiyo eza kuya kwiChampions League,” utshilo umqeqeshi. Nokuba iPirates ayiphumelelanga kwilinge layo lokufumana indawo yesibini, iza kuya kwiConfederation Cup ngoba iza kudlala kwiNedbank neSundowns eya kwiChampions League.